21.2 C
King William's Town
Tuesday, April 2, 2024

Bazakuvela okokuqala kwinkundla yaseDimbaza namhlanje ababanjelwe umbhodamo wokubulala kwaNokholeji

Umphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBheki Cela ndawonye nomkomishinala wamaPolisa uFannie Masemola kulindeleke ukuba batyelele kwinkundla yamatyala eMpuma Koloni nalapho kuzovela okokuqala abarhanelwa abalishumi elinesihlanu (-15) abayanyaniswa neziganeko zokubulala abasebenzi bakwaNokholeji (Fort Hare) kweliphondo leMpuma Koloni.

Abarhanelwa bazavela okokuqala kwiNkundla yaseDimbaza ngoLwesibini umha wesibini (-2) kuAprel. Abanqevu babanjwe betyibekwa ngezityholo ezinxulumene nokubulawa kukanogada kaSekela-Ngqonyela uMboneli Vesele kunye noMlawuli weZithuthi Petrus Roets. Ukanti bajongene nomtya wezityho ezinje ngobuqhetseba, ukuxhwila, ukubulala kunye nokuzama ukubulala.

NgoDisemba, iNkundla yasikhaba ngawo omane isicelo sebheyile sentloko yeYunivesithi yoPhando kunye nokuThengisa, uIsake Plaatpies. UPlaatjies yena, ujamelene nezityholo ezibini zokuqulunqa iyelenqe lokubulala kunye nokubulala Roets noVesele. Ukanti kubanjwa kwakhe kwakwankqisa isininzi nanjengoko wayesebenza ngokusondeleyo neqela eliphanda elityala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
29 %
6.2kmh
30 %
Tue
23 °
Wed
26 °
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks