12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Umbutho we-MK uza kubhena kwisichaso se-IEC esichasa ugqatso lukaZuma

Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) uthi uzakubhena kwisigqibo seKomishoni yoNyulo eziMeleyo (IEC) sokuxhasa inkcaso ebekwe ngokuchasene nowayesakuba ngumongameli, oyinkokeli yombutho weMK uJacob Zuma njengomgqatswa walo mbutho kuluhlu lwabantu abaza kungenela umbutho ePalamente emva kovoto lwangomhla wamashumi amabini anesithoba (-29) kuCanzibe.

Namhlanje ngumhla wokugqibela wokuba abantu bafake izicelo ezichasene nenkcaso ebekwe ngokuchasene nabo kwinkundla yonyulo.

Isigqibo sokungamfaki uZuma sithathwe kulandela inkqubo yokuhlolwa koluhlu lwabagqatswa boluntu, ebibanjwe kwiveki ephelileyo.

Isithethi sombutho we-MK uNhlamulo Ndlela uthi, “Siza kubhena, amagqwetha ethu ayijongile kwaye kudala eyijongile lento, sijonge ukubaluleka kwayo kwaye siza kufaka isibheno ngokufanelekileyo.”

“UMkhonto weSizwe njengombutho, nanjengoko ubusazi ukuba uhambe kwinkqubo yenkundla esathi sayiphumelela kwiNkundla yoNyulo, uzakuba kwiphepha lokuvota, yinto enye ekufuneka icace ukuba akukho uluvo lokuba ubuso bukamongameli Zuma ubuso okanye ubuso benkokeli kufanele ukuba bube kwiphepha lovoto kwaye ndicinga ukuba yimbono engalunganga ngayo. Olona phawu okanye uphawu lombutho wezopolitiko luzakubakhona, ngoko ayibobuso bomntu,” utshilo uNdlela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks