Baphila ngoloyiko abahlali belali yaseKhalankomo naseKamastone kuQumbu eMpuma Koloni kulandela ukuhlaselwa kwamanina nabantu abadala.
Kubikwa ukuba abenzi bobubi ngabafana abaxhobe befam’amacala Bafuna imali neeselfowuni kubantu ababahlaselayo.
UMonwabisi Manyamalala oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu ubudala, nowahlaselwa sistrowuku, uthi wonzakele izihlandlo ezininzi entloko ngethuba yena nodade wabo oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithoba ubudala behlaselwa ngokumasikizi kwiveki ephelileyo.
“Sele ndigula, kodwa bandibetha. Ngamanye amaxesha andikwazi nokuthetha ngokuhambelanayo. Ndizamile ukulwa kodwa wandibetha kakhulu ngompu. Ndawa phantsi ndabuza wenzani. Waphinda wandibetha ngompu wathi, “Usathetha?”. Ndaye ndahlala apho ndingenzanga nto.”utshilo
Amapolisa ephondo athi anolwazi ngolulwaphulo-mthetho.
Isithethi samapolisa uMajola Nkohli uthi bayaphumelela kwezinye iimeko. “Amapolisa enze inkqubela phambili kwezinye iimeko. NgoLwesibini umhla weshumi elinesibini kwinyanga yoKwindla, sibambe abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka eli-17 ne-18 kwaye safumana iiselfowuni neempahla. Aba barhanelwa lulutsha lwasekuhlaleni esele beyanyaniswa nezinye izinto ezintathu zokuphanga ezindlwini.”