Iinkokheli zePan Africanist Movements i-ATM, PAC, APC, kunye neLand Party bezizimase inkomfa kazwelonke yeqela lezopolitiko iATM kwimpelaveki, zibambe imbumba yamanyama kwaye bezibophelele ngokuthethathethana kwiinzame eziqinileyo ezizakunika inkululeko egqibeleleyo kubemi beli lizwe.
Umongameli weATM uVuyo Zungula, Themba Godi weAPC, Mzwanele Nyontso wePAC, Nelvis Qekema weAZAPO kunye noGcobani Ndzongana weLand Party beme phambi kwabathunywa benkomfa abangaphaya kwe-1521 kwindibano ebalulekileyo yomanyano lwenjongo ngokubhekiselele kunyulo luka-2024.
I-ATM ibambe iNkomfa yoMgaqo-nkqubo eyimpumelelo yeentsuku ezintathu kwimpelaveki ukanti phakathi kwemiba ebidhukuxwa kuquka kuyo
1. UMgaqo-nkqubo weNguqu kuQoqosho.
2. UMgaqo-nkqubo woBudlelwane baMazwe ngaMazwe. 3. UMgaqo-nkqubo woKhuseleko lukaRhulumente (uxolo nozinzo).
4. Umgaqo-nkqubo woPhuhliso lwasemaPhandleni kunye noHlaziyo lwezoLimo.
5. UMgaqo-nkqubo woPhuhliso loLutsha. 6. Umgaqo-nkqubo wezeMpilo.
7. UMgaqo-nkqubo weMfundo noQeqesho.
8. Umgaqo-nkqubo wezabasebenzi.
9. UMgaqo-nkqubo weMicimbi yeNkolo 10. UMgaqo-nkqubo weMicimbi yezeMveli. INkomfa yamkele amaxwebhu eengxoxo, amagalelo kunye nezilungiso kwaye yasonjululwa ukuba mayiqhutywe kwaye igqitywe yi-NEC njengemigaqo-nkqubo ye-ATM.