Bebevathe olukablankethi uncumo oosomashishini baseMbhashe.

ISebe loPhuhliso lwaMashishini aMancinci (Department of Small Business Development) lenze uphawu olungasoze lucimeke kwimbali kummandla waseMbhashe.

Oku kusemva kokuba uRhulumente enze iphulo lokunikezela ngenkxaso engummangaliso kumashishini asakhulayo angamashumi amathandathu anethoba(69) naphantsi koMasipala waseMbhashe.

Oku kweziwe ngomhla we 25 kwinyanga yoMsintsi, nalapho iholo yoluntu i-TRC yaseDutywa ibigcwele ngabaxhamli bezokwamnkela inkxaso yabo.

Lomsitho ubuzimaswe zinkokheli zikarhulumente, amalungu epalamente ekhokelwe nguMphathiswa welisebe ohloniphekileyo uNkosazana Stella Tembisile Ndabeni-Abrahams, ooSodolophu abaLawulayo kumasipala wesithili iAmathole kwakunye nomasipala waseMbhashe, uCllr Anele Ntsangani kunye noCllr Samkelo Janda ngokulandelelana.

Inkxaso abayifumeneyo iquka izixhobo zokusebenza kumashishini ahlukeneyo kwaye injongo ephambili kukhulisa amashishini ukuze akwazi ukuzimela, nanjengoko edlala indima enkulu kuqoqosho lwengingqi nokuphucula ubomi boluntu lwaseMbhashe. Ngokwenza njalo kuncipha izinga lentswela ngqesho nendlala egqubayo kweli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA