23.4 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Uwuthathele ezandleni zakhe umthetho unoskroxo obebelwe utywala.

Ubanjiwe umnini wethaveni okanye indawo yentselo izolo, nanjengoko  ephakathi kwabarhanelwa abane ababanjelwe ngamapolisa ngezityholo zokubulala abantu ababini eBityi.

NgoMgqibelo umhla we 7 kweyeDwarha, abecuphi baseBityi bebephanda ngomntu olahlekileyo ntoleyo ekhokelele ukuba uphando lubase kumnini wethaveni yasekuhlaleni. Ekufikeni umnini wendawo ubathathe wabasa ezindongeni zaseNqwathi Lokishi.

Apho, abecuphi bafumene izidumbu ezitshileyo zamadoda amabini, aneminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala ukuya kwamathathu(30). Izazisi zabo ziyaziwa kodwa ziya kukhutshwa ekugqityweni kwenkqubo yokuchongwa.

Kutyholwa ukuba la maxhoba mabini abandakanyeka kubusela botywala kwithaveni yasekuhlaleni kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo. Abarhanelwa bobabane abaphakathi kweminyaka engama-28 nama-65 ubudala  kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseBityi ngoMvulo we (9 October 2023) ngetyala lokubulala (amatyala amabini).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
38 %
5kmh
48 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks