Okwaqala njengeprojekthi yolonwabo kumabanga aphakamileyo kukhule kwaba yintshukumo yemisitho eyaziwayo eMonti, ngenxa yokuzimisela nombono womququzeleli wemisitho oselula othe gqolo ukushiya uphawu lwakhe kumhlaba wolonwabo wesixeko.
USinovuyo Mzongwana, ukhuliswe ngumama wakhe owabukhali ekuqeqesheni bebambisene nodadewabo, ongumakazi kuMzongwana eMdantsane. UMzongwana uyayincoma indlela akhuliswe ngayo yoqeqesho olufundisayo kunye nokuqonda okuqinileyo kokulawula ixesha, imilinganiselo eye yabumba umsebenzi wakhe kwilizwe elikhawulezayo lokuququzelela imisitho.
Uhambo lwakhe lwaqala ngokusemthethweni ngonyaka ka2016 ngomsitho omncinci ongazange uhambe njengoko kwakucwangcisiwe. Kodwa ekupheleni kwaloo nyaka, izinto zajika xa izikolo zasekuhlaleni zaya kuye ukuze zimcela ukuba azenzele iminyhadala yolonwabo yasemva komdaniso wematriki. Kwangaloo nyaka mnye, waphehlelela umsithom othi FreshYouthExperience, umsitho wolutsha owawuliphawu luphawu lwakhe lokuzazisa.

“La msitho wandivulela amathuba amanintsi kwaye wandenza ndaqatshelwa ngabantu ukuba ndinaso isakhono sokuququzelela imistho,” utshilo.
Ukusukela ngoko, uMzongwana usebenze kwimisitho emikhulu eliqela equka CruelSummerPicnic, Heatwave, ImpoloYabahlobo, nakutshanje, PHOLA PARTY. Nangona kunjalo, i-FreshYouthExperience ihlala isondele entliziyweni yakhe.
“Ngaphandle kweFresh Youth Experience, ngendingazange ndibonwe ngabanye abaququzeleli okanye ndibe yinxalenye yala maqela amangalisayo.”
Ngaphandle kokuphumelela kwakhe, olu hambo alukhange lungabi nangxaki. Ukukholisa abaxhasi ukuba batyale imali kuhlala kungomnye weyona miqobo mikhulu.
“Inkxaso yezemali yeyona isoloko inzima, kodwa ngenxa yothando lwalo msebenzi, siyaqhubeka nokutyhala ngesifuba.”
Iprojekthi yakhe yamva nje, iAfroSoul Meets Gospel, ezaqhubeka ngomhla wesibini (02) kwinyanga yeThupha 2025, ijolise ekuvaleni umsantsa kubathandi bomculo abaziva beshiywa ngaphandle kwimisitho yolonwabo. Lo msitho uzakuquka amagcisa afana noVusi Nova kunye noNathi Mankayi, kuzakube kuyikonsathi yosuku olulungele usapho kubalandeli be-AfroSoul kunye nomculo wegospile.

Ejonge phambili, uMzogwana unombono wokuba nendawo eyeyakhe eMonti apho abo basakhulayo basakhasayo banokubamba imisitho yabo.
“Baninzi abantu abatsha abanetalente abafuna amaqonga okuzibonakalisa.”
Isigidimi sakhe kubantu abanqwenela ukuba ngabaququzeleli beziganeko silula:
“Yiba ngumntu ongagungqiyo uyimele into yakho, uwasebenzele amaphupha wakho.
UMzonmgwana uthi ngenxa yenkxaso yabalandeli nabanthandi bemisith yolonwabo eMonti, unethemba lokuba iya kwandiswa inkxaso evela kurhulumente kunye nabecandelo labucala.

