Kuchongwe izidumbu ezingam-21 kwizikhukhula ezithe zehla eMpuma Kapa.

By Buhle Nomgalasa.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA) uVelenkosini Hlabisa uthi kuchongwe izidumbu ezingamashumi amabini ananye (21) kumashumi asixhenxe anesibhozo (78) ezayanyaniswa nemvula ebangele izikhukhula eMpuma Kapa.

Uthethe noonondaba eMthatha izolo emva kokutyelela le ndawo ngeenjongo zokujonga umonakalo odalwe zizikhukula kweli phondo. UHlabisa uvakalise inkxalabo malunga nokucotha kwesantya sokuchongwa kwezidumbu. Ukwathi oku kunganxulunyaniswa nezinto eziquka izizalwane ezityelela iindawo zokugcina izidumbu ukuze zichonge izidumbu ngaphandle kobungqina bezazisi.

UHlabisa uthi, “Uye uzibuze umbuzo, bebebaninzi kangaka abantu, kutheni lisezantsi inani? Kusenokuba baninzi, kwaye kuya kufuneka baqhubeke nenkqubo efungelweyo ukuqinisekisa ukuba akukho mntu ungalungelanga ukuchonga abantu, nokuba bachanekile. ”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA