15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

USUNGULE UMBUTHO OMTSHA OZAKUNCEDA ULUNTU.

USUNGULE UMBUTHO OMTSHA OZAKUNCEDA ULUNTU.

Itshantliziyo elisaze ngobuso elizweni uVuyo Flente waku Centane kwiphondo le Mpuma Kapa uthi ufuna uphucula imeko abaphila phantsi kwayo abantu abahlala ezilalini.

Lo ka Flente uvule umbutho obizwa ngokuba yi Likhanye Youth Movement apho azokusondeza ulutsha lufundiswe ngobungozi beziyobisi kwakunye nokuhlukunyezwa kwabantu ababhinqileyo emaphandleni.

Ngethuba sithethe naye usicacisele ukuba lombutho wakhe awunanto yokwenza ne Politic kwaye uthi ufuna usebenzisana kakhulu neenkosi,oceba, izibonda kwakunye nazo zonke iinkokheli zasekuhlaleni.

“”Into endichukumise kakhulu kukuba ulutsho lwakuthi kunzima ukuba lufundiswe ngendlela yokuphatha abantu ababhinqileyo kwaye ulutsha oluninzi alusebenzi ezilalini bahleli nje batya iziyobisi kwaye kufuneka beqeshiwe futhi bancediswe kwezemidlalo”, utshilo uFlente.

Ukwaphinde wathi ke bazosebenzisana kakhulu nonontlalontle kunye nabapolisa batyelele nasezikolweni befundisa abafundi khona ukuze kuphele into yabafundi abahlukumeza ootitshala kunye nootitshala abahlukumeza abafundi futhi waphinda wathi uzoqhubeka nophisa ngempahla yesikolo kubafundi kwaye nabo basokolayo uzoqhubeka ebanceda.

“Ndiyacela luntu lwakuthi inkxaso kakhulu ingakumbi kosomashishini siphuculeni iphondo lethu le Mpuma Kapa”, xa ufuna iinkcukacha unga fownela inkokheli ye Likhanye Youth Movement uMr Vuyo Flente ku 063 438 3004 naku WhatsApp okanye ubalandele kwikhasi lika Facebook: Likhanye Youth Movement.

[IFOTO: Likhanye Youth Movement Leader Vuyo Flente]

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks