iQumrhu loPhuhliso kwiPhondo leMpuma Koloni (i-ECDC) namhlanje ibambe inkqubo yeNkxaso-mali nejoliswe kuphuhliso losomashishini abangabantu abamnyama.
IECDC ibisingathe leNgqungquthela njengeqonga lothethathethwano olunokubakhona okuxhasa oosomashishini abamnyama kunye namacandelo ahlukeneyo ukuvala umsantsa wokungalingani ukuze kuphuhle amashishini onke ingakumbi awaseMpuma Koloni.
Ngethuba uVuyani Jarana nonguSihlalo webhodi yenkampani yeECDC ethetha, ugxininise kakhulu kumba wokukhuliswa kwamshishimi abantu abantsundu ngelithi” Abantu abamnyama mabavulelwe amathuba kwanomkhombandlela oyakubasa kumathuba akhoyo ukuze baphuhle” ukwathe “kukho imfuneko yokwakha phezu kwezixhobo esele zikhona ukuze kwandiswe ukufikelela koosomashishini abamnyama kumacandelo ngamacandelo oqoqosho, ngophuhliso lwenkxaso-mali kumaphulo abo.
Lengqungquthela ibisingathwe ngoSomaqhuzu kwezoshishino zabucala; abasemagunyeni kuRhulumente wePhondo abafana noMphathiswa kwiSebe lamashishini amancinci uStella Ndabeni Abrahams, nobemele uNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uMnu Mlungisi Mvoko.
Ngokwamazwi kaMphathiswa uStella Ndabeni, uvumile ukuba ngenene banazo iindawo abasilela kuzo ukuxhasa osomashishini abasakhulayo. Uthi kwiSebe lakhe bakumyinge ka2% ngoku kwaye basebenzela ukuba nhoko bafune kumyinge ka3% ukukhula ukuze elisebe lisebenze nanjengoko kulindeleke ukuba likwazi ukuvula amathuba engqesho.
Kuye ke kwafunyaniswa ukuba kukho imfuneko ekhulayo yemali ethe gqolo kunye nenkxaso-mali yezabelo zabucala eMzantsi Afrika ukuze kwandiswe iqela lasekuhlaleni loosomashishini abamnyama ngongenelelo lwenkxaso-mali ukuvala umsantsa.
Ezinye zezithethi ebezingaphakathi, ngobuninzi bazo eziquka neGosa eliyintloko uLizelle Maurice weBorder Kei Chamber; Francios Fouche we Growth Diagnostics; Mxolisi Matshamba; Stephen Seaka; Andile Nomlala; Sakhile Xulu ukubalula…bayenze yacaca mhlophe ukuba ixesha lemfundiso yezinkqubo lisesiphelweni koko makuqaliswe ukubekwa inkqubo ezinje esenzweni.