17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Umjolo ngumgowo eMontywood

IMontywood yenza kakhulu, sithetha nje bakwiphulo lokuvelisa ushicilelo lweDrama entsha kraca ethiBITTER LOVE, idrama yothando.


Lo mboniso bhanyabhanya uqoshelwe eMonti kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo kukho italente ephum’izandla nabangabadlali abaphambili kwezefilimu eMpuma Koloni abafana noLonalinamandla Bawuti ukubalula.

Lo mboniso bhanyabhanya uqoshelwe eMonti kukho italente yasekuhlaleni nanjengoko iMontywood izama ukuphuhlisa italente yolutsha noluntu ingakumbi abo baphuma kwiimeko zabantu abangathathi ntweni.

UBitter Love ubonisa ngothando olukrakra oluphakathi kwesibini ebesivana kodwa yayiqhushululu ngenxa yokungathembani nokukrexeza okusemtshatweni.

Ukucacisa banzi, umyeni emva kokufumanisa ukuba inkosikazi yakhe iyamqhatha, uLizo(36) ujike waba lirhamncwa elifuna ukutshabalalisa konke kumsindo wokuziphindezela ekuchithweni komtshato wakhe. Eli libali lokungcatsha, ukukhohlisa kunye nokuziphindezela  ikwalibali eliphinda lisikhumbuze ukuba akukho mntu uphumelelayo xa usapho luxabana.

Lo mboniso bhanyabhanya usungulwe eMonti ukuze udlalele abantu bonke ingakumbi abo baphakathi ngokwezezimali(middle class). Ukanti kulindeleke ukuba ilungele ukukhutshwa kwayo ngomhla we 3 kaDisemba 2022.

Ungaphoswa!!!

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks