15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

EDutywa ziyaduma kudubulwano phakathi koonqevu namapolisa

Kubanjwe abarhanelwa abathathu bephange bexhomile ngelixa kudutyulwa omnye wayehamba nabo, ngethuba kudubulana amaPolisa eNgcingwane ngaphandle kwase Dutywa.

Kutyholwa ngokuba amadoda amahlanu angene eVenkileni athatha isixa semali esingachazwanga, iCuba kwakunye nonoo Myayi. Kuqhambuke ukudubulana phakathi kwamagosa ezokhuseleko nabarhanelwa, kwashiyeka umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala engxwelerhekile.

Abanye abarhanelwa baye bagcwala amathafa kwindawo yexhwayo. Abanye abarhanelwa abathathu babanjwe kwilalai ekufutshane ze kwafunyanwa iimbumbulu ezilishumi elinesine nesithuthi esiluhlobo lwe BMW nesetyenziswe ukwenza ulwaphulo mthetho.

Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amabini anesihlanu ubudala, baye babekwa ityala lokuphanga iShishini nokuba nemikhono yeKati engekho semthethweni, kwaye kulindeleke ukuba bavele eNkundleni ka Mantyi kungekudala.

Ingxelo: Zintle Madikane
Imifanekiso: Sibusiso Danti

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks