Inkonzo yamapolisa oMzantsi Afrika ithi Ukubiwa kwemfuyo yingxaki egqubayo kwimimandla yasemaphandleni, enefuthe kulwaphulo-mthetho ngoko ke kufuneka kwenziwe zonke iinzame zokunqanda ilahleko eqhubekayo efunyanwa ngabanini mfuyo. Phakathi koLwesithathu, 26 Julayi 2023 ngo-20:00 nangoLwesine, 27 Julayi 2023 ngo-06:00, Amapolisa aseSulenkama cebukuhle kuQumbu aqhube iphulo lobulumko emaphandleni kwindawo yaseNonyikila naseNtsohle.
Kwindawo yakwaNonyikila, kubanjwe amabhinqa amathathu aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesithathu nengamashumi amane anesibhozo (33-48) ngokufunyanwa nenyama ekurhaneleka ukuba ibiwe. Xa eli qela lifudukela kwindawo yaseNtsohle, indoda enye iye yabanjwa ngokuba neembumbulu ezingama-20 kwaye kwindawo yase-Etwa, kwafunyanwa iinkomo ezingama-50 ekurhaneleka ukuba zibiwe. Ebudeni bolu tyando, indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala iphinde yabanjwa ngetyala elingahambelaniyo lokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.
Bonke abarhanelwa ababanjiweyo bavalelwe kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.