24.4 C
King William's Town
Tuesday, October 7, 2025

Elinye lamaqela amakhulu ebhola ekhatywayo eSoweto lityikitye umdlali osezingeni eliphezulu eMzantsi, izolo.

By Siphiwo Boqwana.

Iqela laseSoweto lebhola ekhatywayo iOrlando Pirates limfumene umdlali weBafana Bafana nodlala ephikweni uOswel Appollis wePolokwane City ibetha iKaizer Chiefs ekudala imfuna phantse iisizini ezimbini zonke. Oku kubhengezwe phezolo ngoLwesithathu umhla wesibini (02) kwinyanga yeKhala. Ukhumbule ukuba lo mdlali kudala efunwa ngamaqela amathathu amakhulu eMzantsi, ude watyikitywa liBhakabhaka ekugqibeleni.

U-Appollis ubesezingeni eliphezulu kwisizini zombini ezidlulileyo efunwa phantsi phezulu ngawo omathathu amaqela ebhola ekhatywayo amakhulu eMzantsi Afrika iSundowns, iChiefs nePirates kodwa ekugqibeleni utyikitye nezimnyama ngenkani.

UKaizer Motaung Junior kunyaka ophelileyo ka2024 kudliwano-ndlebe aweye kulo ngeyoMsintsi 2024 ngoko, wayibeka yacaca into yomdla wabo bengaMakhosi ukuba bafuna ngamandla ukutyikitya uAppollis, watsho esithi alikho iqela elinokuthi alimfuni lo mdlali nanjengoko umgangatho wakhe ukwizinga eliphezulu.

IPirates sele ityikitye abadlali abasibhozo phambi kokutyikitya uAppollis, abo badlali nguSinoxolo Kwayiba, uSipho Mbule, uYanela Mbuthuma, uNkosikhona Ndaba, uTshepang Moremi, uTshepo Moshilooane, uSihle Nduli noMasindi Nemtajela.

Kanti ke phambi kokutyikitywa kuka-Appollis iBhakaniya lityikitye umqeqeshi omtsha uAbdeslam Ouaddou emva kokushiywa nguJose Ribeiro.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.4 ° C
24.4 °
24.4 °
29 %
3kmh
4 %
Tue
25 °
Wed
25 °
Thu
28 °
Fri
35 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks