15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Ingozi emasikizi eDutywa nesube imiphefumlo esibhozo(8)

Ngabantu abasibhozo(8) baphulukene nobomi babo ngelixa abasixhenxe(7) bonzakeleyo, emva kokuba imoto enye iye ayalawuleka yabhukuqa eDutywa kwindawo yakyDoti ukuya eMthatha.

Esi sehlo senzeke izolo umhka we 17.07.2022 (ngokuhlwa kwangeCawa) malunga nentsimbi yesibhozo 20H00 kuhola wendlela u-N2 eDutywa nesingise eMthatha. Isithuthi sohlobo lwe Isuzu nebikhwele abantu abalishumi elinesihlanu(15) kuquka nomqhubi ibiphuma eBolotwa kwilali yaseQeqe ngelixa igilana nenye kwindlela uN2 eDutywa isuka kwicala laseMthatha apho umqhubi wemoto ephulukene nolawulo lwesakhe naye isithuthi.

Umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi sibhukuqa sinabantu abasibhozo(8) abachongwe njengabakhweli  nabathe babhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yengozi ngelixa abane(4)kuquka nomqhubi befumene umonzakalo omandundu. Abanye aba(3) bonzakele kakhulu abangekaziwa okwangoku nanjengoko iinkonzo zikaxakeka zisazimasa abonzakeleyo.  Ukanti abalishumi abonzakeleyo baye babalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze bafumane unyango oluthe kratya kunye neZiko lezeMpilo loLuntu eDutywa.

Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko le ndawo isaphandwa, kwaye iza kuphandwa ngabasemagunyeni abohlukeneyo. Ityala lokubulala ngokungenhloso lizakuvulwa kwamapolisa aseDutywa ukuze kuqhutywe uphando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks