25.8 C
King William's Town
Thursday, March 20, 2025

Ingxabano ngowasetyhini iphelele ekudutyulweni kwabulawa abantu ethaveni.

By Nontando Ntsevu

Kutyholwa ukuba kudutyulwe kwabulawa amadoda amabini ngethuba bexambulisana ngomntu wasetyhini, kwithaveni iMozororo kwilokishi yaseMpumalanga kwintshona yeTheku ngeCawe.

Amadoda amabini aneminyaka engamashumi amabini (20) kunye namashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, angenakuchazwa de zibe izalamane zawo zaziswe ngokubhubha kwawo, adutyulwe ejongwe ngabanye abaxhasi.

Ozibonele ngawakhe amehlo nocele ukuba igama lakhe lingachazwa kuba esoyikisela ubomi bakhe uthi kwagaleleka amadoda amabini kule ndawo yokucima ukoma, angqala ngqo etafileni yamaxhoba aqalisa ukudubula. “Omnye … ubhubhe ehleli esitulweni sakhe, omnye wazama ukubaleka kodwa oombayimbayi bamlandele bamdubula bekwisakhiwo,” utshilo.

Ithaveni yaseMozororo idume kakubi kule lokishi ngeziganeko ezinxulumene nolwaphulo-mthetho. Isithethi samapolisa KwaZulu-Natal, uLt-Col Robert Netshiunda, usiqinisekisile isiganeko sakutshanje.

UNetshiunda uthe amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala.

“Amapolisa aphendule kwiingxelo zokudutyulwa athe akufika, elinye ixhoba lafunyanwa ecaleni kocingo ngelixa elinye lifunyenwe ngaphakathi kwithaveni, bobabini benamanxeba amaninzi okudutyulwa.

“Kuvakala ukuba amaxhoba ebesela utywala kunye nabanye abahlobo bakhe ngethuba kufike amanye amadoda amabini etafileni yabo kwaza kwaqhambuka ingxabano ngowasetyhini,” utshilo.

Ukwathe kusaqhubeka ukukhangela abarhanelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.8 ° C
25.8 °
25.8 °
52 %
1.6kmh
65 %
Thu
28 °
Fri
34 °
Sat
34 °
Sun
29 °
Mon
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks