11.7 C
King William's Town
Wednesday, November 29, 2023

Ezimbalini, iimviwo zeMatriki zizakubhalwa ngesiXhosa eMpuma Koloni

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni liza kuguqulela okokuqala ezimbalini amaphepha eemviwo zeBanga leshumi u(Grade 12) kwisiXhosa nesilulwimi lomtu omnyama.

Intsha kraca, kwaye iyaqala ukwenzeka ezimbalini zobomi apho imviwo zizaku guqulelwa kulwimi lesixhosa. Izifundo eziguqulelwayo zezemathematika(mathematics) isayensi(Physical Science) inzululwazi ngezobomi(Life Science), ezembali(History) inzululwazi yezolimo(Agricultural Science) kunye ne-accounting.

Isebe lithi eliphulo lijonge ukuphakamisa umgangatho wokusetyenziswa kweelwimi zesintu.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uthi oku kuhambelana noMgaqo-siseko welizwe. “Njengoko uMgaqo-siseko usivumela, siqinisekisa ukuba zonke iilwimi zinikwa iwonga elilinganayo. Ukuze ubuncinane abafundi okanye abantu abathetha iilwimi ezithile, bangaziva bephantsi. Ekupheleni kosuku, siyisebenzisela iinjongo zemfundo, ukuqinisekisa ukuba aba bafundi bayaphuhla kwaye bafikelela kumanqanaba aphezulu. Asiyenzi le nto sodwa, siyenza ngenani lamaziko. Iyunithi yeLexology, isiXhosa, iyasincedisa, kunye neBhodi yeeLwimi zonke zoMzantsi Afrika (PanSALB),” wongeza uMtima.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.7 ° C
11.7 °
11.7 °
86 %
1.9kmh
12 %
Wed
12 °
Thu
28 °
Fri
40 °
Sat
26 °
Sun
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks