22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Kolulwa isandla kooSomashishini bobusi abasakhulayo,

OSomashishini abakhulayo (Okopolotyeni: iQombe Honey Cooperative, iZingisa Cooperative kunye Face Thabz) abaphuma kwiiWadi ezintathu zaloMasiplala (08, 30 kunye 25) abafuya iinyosi, bawongwe ngenkxaso yezixhobo ezilikhulu (100) zokugcina iinyosi. Le yinkxaso engathethethikiyo evela kwiArhente iMine Workers Development Agency(MDA) ibambisene noMasipala waseMbhashe. Usuku lwanamhlanje (13 April 2022) belubekelwe bucala nalapho bekunikezelwa ngokusesikweni ngezi zixhobo kubafuyi beenyosi. Le nkxaso ilandela emveni kwenye eyayenziwe yiMDA kwi kota egqithileyo nalapho abafuyi baxhaswa ngempahla yokuzikhusela xa besenza umsebenzi wabo. 

Ilungu leArhente iMDA lixhobise abaxhamli ngendlela zokukhulisa olushishino, kananjalo neOfisi ejongene nezoqoqosho lwasekuhlaleni, labelane ngolwazi ngamathuba ajongene nokuxhasa ezoshishino. Ilungu leSigqeba seKomiti kaSodolophu, uCeba N. Mgedezi wenze amazwi ombulelo ongazenzisiyo yentsebenziswano phakathi kweArhente noMasipala, nalapho eqaphele indima edlawe yile arhente eyikhuthaza ukuba yenze njalo nakwabanye. Ubuye waphemfumla kwakhona ngenkuthazo kwabo bathe baxhamla ukuba baqhubeleke besebza umsebenzi wabo oncomekayo.

Ezithethela ngokwawo amalungu Okopolotyeni aye abulela inkxaso engaqgungqiyo esuka kuMasipla nakwi arhente, atsho esithi, amashishini abo okuvelisa ubusi anemvelaphi enembali kwaye bazimisele ukuqhubela phambili. Okunye okuyinkuthazo kukuba, sele ingenile eMarikeni imveliso yobusi obuveliswa yiZingisa Honey Cooperative.

Ingxelo:Mbhashe Municipality

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks