Gilikidi wabhubha uSodolophu esandokunyulwa esikhundleni sakhe

Lusothukile uluntu, izihlobo nezalamane emva kokuphuma kweendaba zokubhubha kukaSodolophu nobesandokunyulwa kumaspala wesithili saseSarah Baartman.

UMzimkhuli “Scara” Njadayi ubhubhe emva kokuwa ngaphakathi kwizakhiwo zikamasipala kwintlangano yakhe yokuqala ngqa eGqeberha ngenjikalanga yanamhlanje umhla we( 1 December 2021) kunye nebhunga. UNjadayi ebechophela intlanganiso yakhe yokuqala yekomiti kasodolophu neqela lakhe elitsha ngethuba lowa kwakhe de wabe uyabhubha.

NgoLwesine weveki ephelileyo, lomasipala wenze umsitho wokwamkela ibhunga elitsha.
Kwiingxelo ezivela kwabasemagunyeni kwiANC kuquka neNkulubaphathiswa yeli uOscar Lubabalo Mabuyane, bavalise umothuko ongazenzisiyo ngokubhubha kukaNjadayi.

“Egameni likamasipala wesithili saseSarah Baartman sithumela amazwi ovelwano kusapho lakwaNjadayi, amahlakani akhe kwiANC nakuzo zonke iinkokeli zopolitiko kweli lizwe liphela.

Umasipala uthi ezinye iinkcukacha ezithe vetshe kwaye namalungiselelo omngcwabi bazakuzikhupha emva kokubonisana nosapho lukamfi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
30.3 ° C
30.3 °
30.3 °
25 %
2.5kmh
84 %
Wed
31 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
24 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA