Huntshu EFF nebhiyozela iminyaka elishumi(10) yasekwayo.

Iqela lezopolitiko iEconomic Freedom Figthers, namhlanje ibibambe ingqungquthela yokubhuyozela iminyaka elishumi(10) yasekwa kwibala lebhola ekhatywayo iFNB.

Lombhiyozo nobuzinyaswe ngamawaka ngamawaka abalandeli beliqela nabebephime ngendlu, kuquka neeNkokheli zeminye imibutho iATM uVuyo Zungu kunye noNjengele Bantu Holomisa weUDM.

Eliqela lithembisa ukuphucula uMzantsi Afrika ngokuqinisekisa ukuba kunyaka ozayo xa ingabo abaphetheyo, bazakuphelisa ubundlobongela, kwakhiwe izibhedlele kunye nemfundo yasimahla. Ngethuba uMalema ethetha nabalandeli bakhe, uthi bengumbutho weEFF bafuna iAfrika ebumbenwyo, hayi iyantlukwano esijongene nayo ngoku nayityola ngokulokonywa ngamaNgesi. Uthi ukwenza njalo kuzakuphuhlisa umtu omnyama.

Ucaphulile nakumba wokujibilika kukaPutin, nonguMongameli waseRussia, kuba bekulindeleke agaleleke kweli ngelithi, makayazi ukuba uMzantsi Afrika awuvumelani noCyril Ramaposa kumba wokubanjwa kwakhe. “Uligwala uRamaposa, kwaye ubugwala bakhe bumenza abeliwexu-wexu, thina asikho kulonto kwaye siyamxhasa uPutin. UPutin sithi kwaye nathi singuPutin” utshilo.

Ukwamemelele noMongameli waseChina neIndia ukuba bame ngamxhel’omnye, bangezi kwingqungquthela yeBRICS nelindeleke ukuba ibanjwe kwinyanga ezayo eMzantsi Afrika.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA