Umbutho wolutsha we-African National Congress (ANCYL) uthi ayamnkelekanga indlela aziphethe ngayo kumakhasi onxibelelwano ukuziphatha uMphathiswa weMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie.
UMbutho ubongoze umphathiswa osandula kuqeshwa ukuba ayeke ukwenza izigqibo ngokungxama kunye nokuhlasela abayili.
Oku kugxekwa kulandela ukupapashwa koluhlu lwabayilayo abaafumana inkxaso-mali kwisebe ngexesha lobhubhani we-COVID-19. Olu luhlu lukhutshwe emva kokuba imvumi ephumelele imbasa yeBET uMakhadzi ekhalaze ngelithi akhange afumane nkxaso kwisebe ukuya kumsitho wokunikezelwa kwamawonga eMelika.
Isithethi seANCYL uZama Khanyase uthi, “Kungekapheli nenyanga efikile. Into ebekufanele ukuba uyayenza kukuya kwisebe lakhe, aqonde indlela elisebenza ngayo, aqonde indlela urhulumente asebenza ngayo kwaye adibane nabo bakhokelayo. Akakhange adibane nabo bakhokelayo. ”
UKhanyase wongeza ngelithi, “Endaweni yoko uMakhadzi uhlaselwa lisebe lakhe esidlangalaleni kuba wayenobuganga bokukhalaza ngelithi akaxhaswa xa wayesiya kuhambo lwamazwe ngamazwe apho amele uMzantsi Afrika. Ukuba uya kumawonga ehlabathi njengegcisa, loo nto ithi ngoku umela ilizwe.”