17.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Igalelekile iPirates eSpain phezolo.

URiveiro unethemba lokuba inkampu yeqela lakhe izakuzala amaduna namathokazi.

Umqeqeshi weOrlando pirates unethemba elikhulu lokuba inkampu yabo eSpain izakuyiqinisa ngakumbi iPirates ibe liqela lebhola ekhatywayo eliqinileyo.

IBhakabhaka kulindeleke ukuba lidlale neqela laseSpain iSevilla nelidlala kwiSpanish La Liga neqela iPlymouth neliqeqeshwa ngowayesakudlalela iManchester United uWyne Rooney kwimidlalo yokuzilolongala ukuvula kwesizini entsha kwinyanga ezayo yeThupha.

Usemnye umdlali eli qela lePirates elisele limbengeze njengosele etyikityiwe ngezimnyama ngenkani, nguDelvi Miguel Vieira nowaziwa ngegama elinguGilberto wase-Angola nobe sakudlalela iPedro de Luanda. Lomdlali nodlala ephikweni uneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala.

Ukapteni weBhakajuju u-Innocent Mayela ukholelwa ukuba abadlali ekudala bekweliqela kufanele ukuba bayabamkela ngemfudumalo abadlali abatsha khona ukuze baqhele bakwazi ukuziva bamkelekile bangazibambi ukuze iqela libe luqilima.

Umdlalo wokuqala wePirates eSpain iPirates izakuqubisana neqela elikwiligi yeChampionships yaseNgilane iPlymouth Argyle ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngokwexesha loMzantsi Afrika kwidolophu yaseMalaga.

Umdlalo wesibini wezimnyama ngenkani iwudlale neqela iSevilla nelidlala kwiSpanish la liga ngoMvulo weveki ezayo kwidolophu yaseSevilla.

I-Orlando Pirates iyakugqibezela ukhenketho lwayo ngokuqubisana neqela laseQatar iAl Sadda SC nelidlala kwiligi iQatar Stars ngoLwesihlanu kwiveki ezayo umhla weshumi elinethoba (19) kulenyanga yeKhala kwidolophu iMalaga.

IiSea Robbers zigaleleke kwinkampu ekwidolophu yaseMalaga phezolo nalapho zizakusebenzisa eyona ndawo yakhe yabakumngangatho ophezulu wehlabathi yokuzilolonga iMarbela Football Centre.

Ukhumbule ukuba iPirates nakwisizini edlulileyo yayakuzilolonga kwelalizwe laseSpain. Umqeqeshi weliqela laseSoweto ngummi nenzalelwane yakwelalizwe laseSpain.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
51 %
3.4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks