Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) uthi bonke abo bachaphazeleka kwizityholo zobuqhophololo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya kufuneka baphendule.
Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) uthi bonke abo bachaphazeleka kwizityholo zobuqhophololo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya kufuneka baphendule.
Oku kulandela iziphumo zokuqala zeSebe emva kophando bobume buka-Chidimma Adetshina. UMphathiswa weSebe lezeKhaya uGqirha Leon Schreiber izolo ubhengeze ukuba banezizathu zokukholelwa ukuba umama ka-Adetshina usenokuba wenze ubuqhophololo nobusela bezazisi.
Uthi lo mgqatswa wokhuphiswano lukaMiss SA wayengenakuthatha inxaxheba kwizenzo zikanina ezingekho mthethweni nanjengoko wayelusana xa zazisenzeka ngo-2001.
I-ATM izamkele iziphumo zokuqala zesebe.
Isithethi salo mbutho uZama Ntshona uthi, “Eminye yemibuzo esithe sayibuza ngumba wokuba abazali okanye imvelaphi yabazali ngendawo abazalelwa kuyo, bangena njani kweli lizwe, babufumana njani ubumi babo.
“Kwaye kwezi ngxelo zandulelayo, kubonakala kukho ukufunyaniswa kokuqala okukhomba impendulo. Inye into esiyicelayo kweli sebe, kukuba isebe maliphonononge ngakumbi kwaye lisinike umfanekiso ogcweleyo wento ethe yenzeka ngokwenene.”- Ingxelo kaDiteboho Ntimane.