ISebe leMicimbi yezeKhaya likhuphe ingxelo malunga nophando lobumi bukaChidimma Adetshina, ongenele ukhuphiswano lukaMiss SA ozayo.
ISizathu sophando luqikelelo kunye\okanye izityholo zokuba uChidimma Adetshina akafanelanga ukungenela uMiss SA 2024 ngenxa yokuba akangowaseMzantsi Afrika. Oku kuza emva kwesiphithiphithi kumakhasi onxibelelwano apho abantu besithi ungowaseNigeria ngoba abazali bakhe abangobemi beli, utata wakhe ngowaseNigeria umama wakhe ngowaseMozambique.
NgoMvulo umhla wesihlanu (05) kweyeThupha 2024, abaququzeleli bomsitho bathumele iSebe isicelo sokuba baqinisekise ubumi buka-Adetshina ngokusesikweni. Esi sicelo sikhatshwe yimvume ebhaliweyo evela kuAdetshina kunye nomama wakhe.
Isebe ke lasebenzisa zonke izixhobo ezifumanekayo ukuseka inyaniso. Ukuza kuthi ga ngoku, isebe lifumanise ukuba:
- Kukho izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba ubuqhophololo kunye nokubiwa kwezazisi kusenokwenzeka ukuba kwenziwe ngumntu obhalwe kwiirekhodi zeSebe lezeKhaya njengomama kaChidimma Adetshina;
- U-Adetshina wayengenako ukuthatha inxaxheba kwizenzo ezingekho mthethweni ezityholwa ngunina, njengoko wayeselusana ngexesha apho obubuqhophololo babusenzeka ngo-2001;
- Umama waseMzantsi Afrika ongenatyala, ekusenokwenzeka ukuba ubumi bakhe baabiwa njengenxalenye yesityholo sobuqhophololo obenziwa ngumama ka-Adetshina, wabandezeleka ngenxa yokungakwazi ukubhalisa umntwana wakhe;
- Ekugqityweni kophando, iMicimbi yezeKhaya iceba ukunyanzelisa izityholo zolwaphulo-mthetho kubo bonke abo babandakanyekayo.
Eli tyala, lisukela kwizityholo zobuqhophololo ezenziwa kwiminyaka engamashumi amabini nanthathu (23) eyadlulayo, kwaye ligxininisa imfuneko engxamisekileyo yokuphuculwa kwedijithali kwezicelo zeMicimbi yezeKhaya, iinkqubo zokugweba kunye nokuqinisekisa kunye nokukhusela iSebe kungenelelo lobuqhophololo.