I-CoCT ibongoza abazali kunye nabaNonopheli ukuba baqinisekise abantwana bayagonywa.

By Buhle Nomgalasa.

UMxholo wango nyaka ka2025 othi “Masiwuqhawule”, ubiza ukuba kuthathwe amanyathelo angxamisekileyo ukususa imiqobo yokuphelisa iHepatitis, kubandakanyaa ibala kunye nokungabikho kolwazi.

UMvulo, wosuku lwanamhlanje lusuku lwehlabathi lweHepatitis, kwaye isiXeko saseKapa sibongoza abazali kunye nabo banonophela abantwana ukuba baqinisekise abantwana babo bayagonyelwa esi sifo.

IHepatitis B iyathintelwa ngogonyo lwesiqhelo lwabantwana, ngelixa ezinye iintlobo zentsholongwane zinokunyangwa kuyo nayiphi na ikliniki eMzantsi Afrika.

IMMC yeeNkonzo zoLuntu kunye nezeMpilo, uFrancine Higham, uthe iindlela ezilula zococeko zinokunceda ukunqanda ukusasazeka.

IHepatitis ngoyena nobangela uphambili womhlaza wesibindi, kwaye amanani ayakhula. Esi sifo sinokuthintelwa kwaye siyanyangeka, kodwa umthwalo usaqhubeka nokunyuka.

Iphulo leSixeko seMpilo ekuphawuleni uSuku lweHlabathi lweHepatitis kukukhuthaza uvavanyo kunye nokuqinisekisa indlela yokuphila esempilweni, ebandakanya ukucoceka kobuqu kunye nokusingqongileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA