Kubanjwe abantu ababini ngokuba neeKreyifishi ezinexabiso elingaphaya kwe-R1.2m.

By Asipile Kitchen.

Ukukrokra kunye nokulumka kube negalelo ekubanjweni kwabarhanelwa ababini abangamadoda, abafunyenwe beneekreyifishi ezixabisa imali engaphaya kwesigidi (R1.2 million) seerandi ngaphandle kwasePort Alfred izolo ngokuhlwa.

Ngorhatya lwangeCawe, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeKhala 2025, malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesbhozo (20:30) ngokuhlwa, amalungu aphantsi kweYunithi ye-K9 yase-Port Alfred ebeqhuba umsebenzi weepatrolli zesiqhelo kwindlela u-R72, xa eqaphela uhlobo lwesithuthi sakwaToyota esasisingise, eMonti.

Esi sithuthi siye sakhutshwa endleleni, kwaye la madoda ahlatywa ngemibuza ngamapolisa. Ngasemva kwesithuthi, amapolisa aye afumana iibhokisi ezinemisila iiKreyfishi zaseWest Coast Rock.

Aba babini abakwazanga kuvelisa nawaphi na amaxwebhu okanye imvume yokuba babe kunye/okanye ukuthuthwa kweeKreyfishi zonxweme lwaseNtshona. Amapolisa aye athimba iikreyifishi ezinobunzima obuziikhilogram ezingama-822.76kg, nezixabisa i-R 1 200 000.00 yeerandi. Abarhanelwa ababini baye babanjwa babekwa ityala lokwaphula umthetho we-Marine Living Resources Act we-18 ka-1998.

La madoda mabini, aneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) kunye namashumi asithandathu anesibini (62) ubudala alindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi wasePort Alfred kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA