Umbutho iDemocratic Alliance umemelele urhulumente wesixhenxe ukuba abeke phambili ukujongana nolwaphulo-mthetho oluqhubeka eNelson Mandela Bay, ingakumbi udushe lwamaqela emigulukudu oluqhubekayo kwiMimandla yoMntla, emva kwezibophelelo zoMphathiswa wangaphambili, uBheki Cele, kunye noMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu, uXolile Nqatha usithi baye basilela ukwenza izinto.
Lombutho kwikhasi layo lonxibelelwano ufacebook ukhuphe ingxelo usithi ngelixa oorhulumente besizwe nabamaphondo bengaphumelelanga, ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela lusaqhubeka lugqugqisa kwizitrato zomasipala ombaxa, usithi lubulala inkitha yabantu abamsulwa, njengobomi bukaCharlene Malgas oneminyaka engamabini anesithathu (23) ubudala kunye nomntwana wakhe ongekazalwa, owadutyulwa emini ilanga lilibalele eHelenvale, okanye eKhazimla kunye noZusange Bulo, abahlatywa kabuhlungu babhubha besendleleni eya kwivenkile eSoweto-on-Sea.
IDA ithi abantu baseNelson Mandela Bay bafanelwe kokungcono. Onokuba ngumphathiswa wezokhuseleko loluntu xa kunokuphatga iDA uYusuf Cassim uthi uye wabhalela umphathiswa omtsha wamapolisa, uSenzo Mchunu, kunye noSomlomo omtsha weNdlu yoWiso-mthetho, uThokozile Didiza, ukuba baphinde babethelele ikhwelo leDA lokungenelela ngokungxamisekileyo eNelson Mandela Bay, ngakumbi kwiindawo ezikuMntla, ekwathi ucela ukuba ulawulo olutsha lubekele phambili lomcimbi.
Kusenjalo iDA imemelela uMphathiswa uMchunu to ukuba aliphindaphinde kabini inani lamalungu anikwe iCandelo lokuLwa imigulukudu, abeke abona bacuphi ababalaseleyo kwilizwe jikelele ukuze baxhase inkonzo yesipolisa eNelson Mandela Bay, aphinde abeke iSAPS National Intervention Unit/Special Task Force imimandla eseMntla.
“Sikwahlaba ikhwelo lokuba komelezwe ubuntlola bolwaphulo-mthetho, kwandiswe ukubonakala kwamapolisa kunye nokuphumeza ubuchwepheshe bokulwa nolwaphulo-mthetho obufana needrone, iikhamera zeCCTV, kunye nobuchwepheshe beShotSpotter ngaphandle kokulibazisa.”uqhube watsho uCassim.
Ingxelo yeDA ikwabhentsise ukuba, ingxelo elungiselelwe liBhunga laseMexico loKhuseleko loLuntu kunye nobuLungisa boLwaphulo-mthetho (CPSC) kutshanje ibeke iNelson Mandela Bay njengesona sixeko siyingozi eMzantsi Afrika.
Ingxelo ithi ngokubulawa kwabantu abayi-78,33 kubantu abayi-100,000 ngo-2023, iNelson Mandela Bay ityibilike yangena kwezona zixeko ziphezulu zilishumi eziyingozi kwihlabathi, izixeko zaseMexico, Haiti ne-Ecuador kuphela eziyingozi kakhulu.
Phakathi kuka-2021 no-2023, ngaphezulu kwe-88% yabo bonke ubundlobongela obunxulumene nemigewu e-Nelson Mandela Bay benzeke kwi-Northern Areas. Ngeli xesha, iziganeko zokudubula ezingamakhulu amathathu anamashumi amathandathu ananye (361) ezinxulumene nobundlobongela bemigulukudu ziye zaxelwa, ezingamakhulu amathathu aneshumi elinethoba (319) kuzo zaxelwa kwimimandla ekuMantla. Oku kubangele ukuba kubulawe abantu abalikhulu elinamashumi asibhozo (180), abangamashumi amabini anesibini (22) kubo ibingabantwana.
I-DA ithi izakuqhuba nedabi lokuhlangula abantu baseMntla kwiingingqi zemigulukudu kunye nobundlobongela. “Sikunye, sijonge ukuzisa ikamva elikhuselekileyo, elikhuseleke ngakumbi apho iintsapho noluntu lungasahlali ngoloyiko.” Ivale ngelitshiyo ingxelo yeDA