20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

IUDM neNguvu Change zincoma uhlahlo lwabiwo-mali lwakutsha nje lesebe lemfundo esiseko

UNobhala Jikelele we-United Democratic Movement (UDM) kunye neNkokeli yeNguvu Change, uCllr Yongama Zigebe, uncoma uhlahlo lwabiwo-mali lwakutsha nje lweSebe leMfundo esiSiseko kunye neSebe loPhuhliso lweZiseko ezinguNdoqo, ingakumbi iinzame zabo zentsebenziswano ezibhengeziweyo zokuphelisa izindlu zangasese zomngxuma. IUDM ithi elinyathelo libonisa inyathelo elibalulekileyo elibhekiselele ekuphuculeni imeko yokufundela kumawakawaka abantwana kwilizwe liphela.

Phambi kokuba kungene uLawulo lwesixhenxe, lombutho uthi ubhale ileta evulelekile isiya kumalungu ePalamente, bebongoza ukuba bakubeke phambili ukupheliswa kwezindlu zangasese ezinemingxuma kwizikolo ezisemaphandleni eMpuma Koloni, Limpopo, KwaZulu-Natal, Mpumalanga naseMntla Ntshona. “Njengeenkokheli ze-UDM nezeNguvu Change, asixega-xegi kweli dabi, siqonda ifuthe elimandla elinogutyulo olungonelanga kwimpilo, ukhuseleko, kunye nesidima sabantwana bethu.” Itshilo ingxelo ekhutshwe yiUDM kwikhasi layo lonxibelelwano ufacebook

Lengxelo ikwaveze ukuba ngaphandle kweenzame zabo, ulawulo lwangaphambili aluphumelelanga ukunikezela ngengxelo ethenjisiweyo ePalamente echaza amaxesha athile okuphelisa la maziko ayingozi. Uthi oku kusilela lushiye abantwana bechanabeke kumngcipheko wemihla ngemihla, beguqula iindawo zokufunda zabo zibe yimigibe yokufa.

“Ukuzinikela okubonakaliswe ngaba baphathiswa babini kolu Lawulo lwesixhenxe (7) kuzisa ithemba elitsha. Nangona kunjalo, siyababongoza ukuba badlulele ngaphaya kweentetho zezopolitiko kwaye bafezekise izithembiso zabo. Ukupheliswa kwezindlu zangasese zomngxuma ayingomcimbi nje womgaqo-nkqubo kodwa sisinyanzeliso sokuziphatha nomgaqo-siseko.”

“Kufuneka siqinisekise ukuba bonke abafundi nootitshala banokusebenza kwindawo ekhuselekileyo nendilisekileyo, engenazo iingozi ezibangelwa kukungacoceki ngokwaneleyo. Eli linyathelo elibalulekileyo elisingise ekufezekiseni isigunyaziso sethu somgaqo-siseko sokubonelela abantu bethu ngesidima esifanelekileyo.” Iqhube yatsho ingxelo.

IUDM ithi ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeKhala kulo umiyo, baza kuthatha inxaxheba ngokubonakalayo kuthethwano nabachaphazelekayo oluququzelelwa yiKomishoni yamaLungelo oLuntu Emalahleni. Ithi Olu thethathethwano lubonisa ukuzibophelela kweba okuqhubekayo kulo mba kunye nokuzinikela kwabo ekusebenzisaneni nabo bonke abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba ukupheliswa kwezindlu zangasese ezinomgodi ayisosithembiso nje kodwa yinyani.

Lombutho ukwahlabe ikhwelo kuwo onke amalungu oluntu, kubandakanywa abazali, abafundisi-ntsapho, neenkokeli zasekuhlaleni, ukuba bazibandakanye nabo kulo mlo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks