7.8 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

I-FORUM TASK TEAM EHIGHWAY EMDANTSANE IBIBAMBE INTLANGANISO NABATHENGISI EMDANTSANE

Iqela elisebenza ubusuku nemini bekhusela izinto zabathengisi baseHighway eMdantsane i-Forum Task Team ibibambe intlanganiso namhlanje, nabathengisi baseHighway kwakunye nonoTaxi, benika ingxelo ngomsebenzi abawenzileyo eHighway eMdantsane.

LeForum ibikhumbuza abathengisi kukwelo abathi baliphakamisa , nakubeni besebenza nzima bengafumani nzuzo mntwini. Iphulo abeza nalo kukuba abathengisi baxhase ngeR20 kwingxowa-mali yabo nakubeni bengenazo izixhobo ngokwaneleyo zokuqubisana nezigila mkhuba , bakhonjwa ngemipu nangeezikhalo kwinto abayibiza ngokuba bafuna izinto zokuzikhuzela.

Usihlalo weForum Task Team uSiyabulela Tshaka uthi bafuna abathengisi nanjengoko babacela ukuba bagade iindawo abathengisela kuzo ukuba bathathe inxaxheba bonke kukhwelo lokuncedisana nabo.

Omnye wabathengisi eHighway eMdantsane uSam Ntentema uthi akhuselekile smashishini wabo yileForum kwaye bayanqwena into yokuba kubekho umanyano kungabikho abatsalela kwelabo ocala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.8 ° C
7.8 °
7.8 °
86 %
1.8kmh
1 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
20 °
Wed
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks