Izolo Ibhunga likaMasipala likhokhelwa nguSodolophu uSanga Maneli bandwendwele kwikhaya longasekhoyo, owayesakuba nguSodolophu woMasipala iNgqushwa, uMama Nombuyiselo Magingxa owathi wasandulela eli kunyaka ophelileyo.
UMfundisi X. UMdyogolo okhokhela kwi Moral Regeneration Movement (MRM), ubeke ilizwi ecaphula kwincwadi ka Samweli 1, iSahluko 20 verse 42 “Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.”
Umfundisi ugxininise Uxolo, Uthando Nobudlelwane. Uthi Uxolo malube yiFoundation yezinto ezintle ezizakubakho.
ÜSodolophu uthethe wathi, “Singumasipala sizokubonakalisa imbeko, sizokuthatha amathamsanqa, siziswa zinkumbulo zemisebenzi yakhe namhlanje silibhunga sithe phambi kokuba siqhube I programme ye Strategic Session masiqale apha sizo kuthatha iintonga kugxa wethu phambi kokuba Sithi “Efile nje usathetha.” Sithi makuhlale kukho uxolo phakathi kwethu.
UMama uMagingxa ngomnye wabantu abadlale Indima enkulu kwiNgqushwa yethu. Uwe evuka eguqula impilo yabantu baseNgqushwa. Ebethatha ixesha le Family yakhe esenza umsebenzi wokuphucula ubomi babantu baseNgqushwa. We are to commemorate ubomi bakhe. Usebenzile kwizigaba ezininzi, wasishiya enguSodolophu esesendimeni sisajonge lukhulu kuye.
Ikhaya lakwamaGingxa libulele kakhulu lusithi amasango avulelekile xa sithe safuna ungena kwelikhaya.
INGXELO: Ngqushwa Municipality