IiNkqubo zoNxibelelwano zikaRhulumente eMpuma Kapa beziseMonti, eVincent ngale ntsasa kwiphulo labo lokwazisa kwangaphambili iNtetho engoBume beZizwe eziManyeneyo eza kwenziwa nguMongameli Ramaphosa ngokuhlwa kwangomso, umhla wesithandathu (06) kweyoMdumba ka-2025, ngentsimbi esixhenxe (19:00) emva kwemini.
Le ntetho iya kulandelwa yindibano yezindlu ezimbini zePalamente. Umxholo we-SoNA walo nyaka uthi: “Isizwe esisebenzayo, sabo bonke”.
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe sisiganeko esibalulekileyo njengoko isebenza ekwaziseni isizwe malunga nemeko yangoku yezoqoqosho, yezopolitiko nezentlalo. Ikwasisithuthi sikamongameli sokushwankathela okuphunyeziweyo kunye nezicwangciso zenkqubo yabo yoburhulumente kunyaka othile de kuphele ixesha labo lokuba sesikhundleni. I-SoNA yalonyaka kulindeleke ukuba, phakathi kwezinye izinto, iveze umkhombandlela womgaqo-nkqubo karhulumente kuLawulo lwesixhenxe (7) kunye nezinto ezinokwenziwa kulo nyaka uzayo.

UMlawuli we-GCIS wePhondo eMpuma Kapa, uMnu Ndlelantle Pinyana ubephakathi kwamagosa ebekumaphulo okwazisa uluntu namhlanje, kwaye wabelane ngochulumanco lwakhe malunga nentetho kamongameli namhlanje.
“Le yintetho yokuqala yobume besizwe kurhulumente wobumbano kuzwelonke ethe yasekwa kulo nyaka uphelileyo, ngoko ke umongameli uzakumanyanisa izindlu ezimbini zepalamente, ibhunga lesizwe lamaphondo kunye nendibano yesizwe ngokwesicelo sakhe kuSomlomo wepalamente ukuba ucela ukunika ingxelo kwezi zindlu zimbini yokuba iminyaka emihlanu ezayo isphathele ntoni,” uMnu Pinyana.
UMnumzana Pinyana ukhankanye ukuba uMzantsi Afrika ujongene nezinto ezininzi ngoku, enye yazo luphuhliso olutsha lwamva nje ngokusingisele kwizibhengezo zikaMongameli uTrump zokuba uMzantsi Afrika kufuneka uphelise imithetho yobuhlanga kunye nokuhluthwa komhlaba wabantu abamhlophe kunye nokwenzeka eDemocratic Republic of Congo, umongameli uya kunika isaziso kubemi bakhe malunga nokuba simi phi na ngezimeko singuMzantsi Afrika.
UMnumzana Pinyana usithele thsuphe malunga nokuba uMongameli uzakubalula ntoni kwintetho yakhe ngomso.
“Nangona ndingayibhalanga ngokwam okanye ndingakhange ndiyibone intetho, umongameli uzakuthetha ngemeko yentswela-ngqesho ekwincopho yayo ngoku. Uzakuphinda anike ingxelo ngomsebenzi owenziwe ngoomasipala bethu bonke, inkqubela phambili kwanento esafuna ukwenziwa, nezinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho oluchaphazela uninzi lwabemi bethu,” utshilo uMy Pinyana.
I-SoNA linyathelo elibalulekileyo kuhambo lwedemokhrasi yaseMzantsi Afrika, ebonisa ukuzinikela kwelizwe ekuhleni, ekuphenduleni, nakulawulo olululo. Ibeka intsingiselo kwimiba ephambili namalinge karhulumente, ijongana nemiba engxamisekileyo efana nohlumo loqoqosho, ukudalwa kwamathuba emisebenzi, imfundo, inkathalo yezempilo, kunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo.





