19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

I-IEC ijongene nomceli mngeni wenkundla malunga nosuku lokugqibela lokutyunjwa kwabagqatswa

Nanjengoko ngoLwesihlanu kungumhla wokungeniswa kwamagama abagqatswa ngamaqela ezopolitiko kunye nabantu abangoo-zimele geqe, i-IEC ijongene nomcelimngeni wenkundla wokuba kwandiswe ixesha elibekiweyo.

Umbutho osandula ukusekwa weLabour Party, ophuma kumbutho wabasebenzi i-AMCU, uza kuxoxa kwiNkundla ePhakamileyo yaseGauteng ukuba abagqatswa bafuna ixesha elingakumbi.

IGosa eliyiNtloko yoNyulo le-IEC uSy Mamabolo, uthi “Umbutho weLabour usiwe enkundleni, kwiNkundla ePhakamileyo yaseGauteng, ucela umngeni kwixesha elibekiweyo langomso. Isiseko sebango labo kukuba basanda kubhaliswa kwaye abakhange babenalo ithuba elaneleyo lokufumana zonke izityikityo ezifunekayo. Ngoku umbono wethu ngowokuba utyikityo beluyinxalenye yomthetho wethu ubuncinci ukusukela kwinyanga yeSilimela kulo nyaka uphelileyo kwaye bayinxalenye yentetho naxa bekuxoxwa ePalamente, ngoko ke wonke umntu bekufanele ukuba uyazi malunga nemfuneko yokutyikitya. ”

Ngeli xesha, amaqela ezopolitiko kunye nemibutho ezimeleyo iyaqhubeka kwixesha eliseleyo ukungenisa amaxwebhu ayimfuneko kunye neediphozithi zabo kwi-IEC.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks