By Nyameka Lamani.
Kusweleke abarhanelwa abathathu kwaye ababini bonzakele, ngethuba bedubulana namapolisa ngobusuku bamashumi mabini anesithathu (23) kweyoMsintsi ka2025, eAtteridgeville.
Oku kuza emva kokuba iSAPS incediswa ziinkampani zokhuseleko zabucala, isebenzise iinkcukacha zobuntlola malunga neqela labarhanelwa ababandakanyeka kuxhwilo lweenqwelo-moya ePitoli. Eli qela labekwa ngobuchule ukuba lijonge isithuthi sabarhanelwa, esathi sabonwa.
Bathe xa bezama ukumisa isithuthi, abarhanelwa babaleka, nto leyo eye yakhokelela ekubeni aleqise amapolisa emva kwabarhanelwa kudutyulwana. Abarhanelwa abathathu babhubhile, ngelixa ababini besiwe esibhedlele ngokonzakala.
Kuthinjwe izibhamu ezintathu ezingenamphepha ezineembumbulu, iSignal Jammers, iiglavu zesandla kunye kunye neeBalaklava, kuquka nesithuthi. Uphando lwamapolisa luyaqhuba.

