22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

I-SANTACO ikhusela ingxowa-mali karhulumente.

By Asemahle Mbete.

IBhunga leSizwe leeTeksi loMzantsi Afrika (i-SANTACO) liyasikhusela isigqibo sikarhulumente sokwabela ishishini leeteksi amakhulu amane anesibhozo ezigidi (R408 million) zeerandi. kwiNgxowa-mali yokuNceda i-COVID-19.

Oku kuza emva kokuba i-Build One South Africa (BOSA) ikhe yathandabuza inkxaso-mali enikwa kanye, eyabelwa kuhlahlo lwabiwo-mali luka-2025/26. Ephendula umbuzo wasePalamente obuzwe yinkokeli ye-BOSA uMmusi Maimane, uMphathiswa wezoThutho uBarbara Creecy uthi iKhabhinethi iphumeze intlawulo yokunceda abaqhubi beeteksi abachatshazelwe zizithintelo ze-COVID-19 ngo-2021.

Nangona kunjalo, asingabo bonke abaxhamli abaye bakwazi ukufikelela kwiimali. I-SANTACO ihlehla kwizigxeko zentlawulo yezigidi ezingamakhulu amane anesibhozo zeerandi kubaqhubi beeteksi.

Isithethi se-SANTACO kuzwelonke uMmatshikhidi Rebecca Phala uchaze imicelimngeni abajongene nayo abanye abaqhubi ekufumaneni uncedo.

“Ishishini leeteksi sithetha nje lijongene nengxaki enkulu yokusilela kweelayisenisi zokusebenza. Abanye abaqhubi, ngexesha lokubhengezwa kweemali ekuqaleni, babengenazo iimpepha-mvume zabo zokusebenza kwaye ngenxa yoko, kuba yenye yezona zinto zifuneka kuqala ukuze umntu akwazi ukufaka isicelo, abakwazanga ukuyenza loo nto, asiqinisekanga ukuba kutheni ibuzwa kuba ayifani nokuba inikwe wonke umntu.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks