By Anita Qubula.
Uqhankqalazo oluchasene nokwanda kolwaphulo mthetho lulindeleke ukuba luqhube eMthatha eMpuma Koloni namhlanje.
Ulwaphulo-mthetho oluquka ubuqhetseba, ukubulawa kwabasetyhini kunye nokubiwa kwemfuyo lulo olubangele abantu baqale uqhanqalazo ngoba ngelithi kwanele ngoku, kudala besonakalelwa. Uqhankqalazo lwenzeka emva kosuku emva kokuba uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola etyelele edolophini ukuze anike uhlaziyo ngongenelelo lwamapolisa kulwaphulo-mthetho lokuphanga.
Inkulumbuso yephondo, uOscar Mabuyane, uvakalise ukwaneliseka ngesenzo samapolisa kukwanda kobuqhophololo ephondweni.
UMabuyane uthi, “Sithe asikwazi ukuhlala nootsotsi kwaye masibakhuphe, sibacime. Izitalato zethu mazikhuseleke, abantu basetyhini mabakhululeke, abantu mabahambe bekhululekile kwiindawo abahlala kuzo ngaphandle koloyiko. Ininzi inkqubela esele yenziwe kuba sijongene ngqo nezi zigebenga.”

