Kubulawe usajini wamapolisa ebebengekho emsebenzini ekurhaneleka ukuba ababilali liqela lemigulukudu ebixhobile kudubulwano neqela lamapolisa (TRT) eMqanduli ngeCawe.
NgeCawe malunga nentsimbi yesine malanga (4:00 pm),amalungu ombutho iTRT eMthatha afumene ulwazi ngabarhanelwa abebexhobile kwingingqi yaseMqanduli.
Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthe, Abarhanelwa baye bakhangelwa kwaye babekwe kwiivenkile eDobe
Kuthiwa Abarhanelwa ,babaleke kumacala awahlukahlukeneyo. Omnye umrhanelwa uye wadubala , nto leyo eyabangela ukuba amapolisa aphindise ngodubula.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ungxwelerhekile, ngelixa abanye abarhanelwa bekwazile ukubaleka. Kufunyenwe ivolovolo engenampepha-mvume. Uphando lokuqala luveze ukuba lo mpu webiwa eHillbrow ngo2021.
Uphando oluthe kratya ludize ukuba umfi ibiyiSajini yamapolisa ebingekho emsebenzini nebisenza kwindawo yamapolisa aseMadeira kwisithili saseOR Tambo. Amapolisa avula idokethi yophando.

