OoKhetshe bathi uFlorika Owusu no-Abongile Tyusha, ababesebenza njengabacebisi bebhanki baavula ii-akhawunti zebhanki ngenjongo zokuthatha imali kwiiakhawunti zabathengi phakathi kuka-2019 no-2021.
Inkundla yamatyala oRhwebo eGqeberha eMpuma Koloni igwebe ababini ababefudula bengabacebisi kwibhanki yakwa-Absa ngenxa yobuqhophololo kunye nokuxhaphaza imali.
UFlorika Owusu no-Abongile Tyusha bagwetywe iminyaka emithandathu entolongweni umntu ngamnye ngoLwesihlanu, benganikwanga thuba lokukhetha kokuubhatala okanye ukuya entolongweni.
OoKhetshe bathi u-Owusu noTyusha bavule ii-akhawunti zebhanki ezingagunyaziswanga, kwaye baphinda bavula ii-akhawunti ezingasebenziyo phakathi kuka-2019 no-2021, ukuze bakhuphe imali ngobuqhetseba phakathi kwee-akhawunti zebhanki.
Emva kokuphumelela kubuqhophololo babo, icandelo lolawulo lathi esisibini sasikhupha imali kwiindawo ngeendawo zaseHumansdorp nezikufutshane.
Eli candelo likwathe ukukhutshwa kwezimali kwakusenziwa ngobuchule nononophelo, kwaye ngenxa yoko, ibhank yakwa-Absa yaahlekelwa yimali engaphezulu kwesigidi seerandi.
Le bhanki kuthiwa iqaphele ukungangqinelani ngexesha lophicotho-zincwadi yaza yenza uphando lwangaphakathi.
Emva koko yawuxela lo mba kooKhetshe, saze esi sibini sabanjwa ngoJulayi ka-2022.

