I-Arhente yeNdawo yeSizwe yezeNdlela eMzantsi Afrika uSANRAL ithi izakuchitha phantse i-R2 Billion ukuphuculwa kwezibonelelo zendlela kuMasipala weNgingqi kaGqr Ab Xuma.
I-SANRAL ithe yabhengeza iprojekthi yeminyaka emithathu kwindawo yokubandakanyeka kwabachaphazelekayo e-Engcobo, eyangeniswa ziinkokheli zendawo, iiforamu zeshishini, kunye neSMME’s phakathi kwezinye.
“NjengoMasipala, sifuna ukutyala kakhulu kwiziseko zophuhliso esikhulu, kubandakanya, kunye nokugcina uthungelwano lwendlela yethu, kwaye siyavuya ukusebenza,” utshilo USodolophu walomaspala Siyabulela Zangqa.
Kwingxelo, uye wazibophelela ekusebenzeni ngokusondeleyo namanqanaba ohlukeneyo karhulumente ukuvula utyalo-mali nophuhliso loqoqosho lukamsapaka i Dr AB Xuma .
Ngeli xesha, uSANRAL uthe kuya kuphumeza iiprojekthi zophuhliso lwezibonelelo zeendlela ezimbini kumasipala, kubandakanya ukuphuculwa kwendlela u-R61 phakathi kwase All Saint ne Bayiza. Zonke iindlela zaku-R61 kuquka nendlela ephakathi kwaseQumanco nase-Engcobo.
I-SANRAL ithi ibubeke eceleni ubuncinci beepesenti ezingama-30 zexabiso leprojekthi ukuze ifumaneke kwi-SMMEs kwaye ubuncinci kwi-8% yexabiso leprojekthi iya kubekwe ecaleni komsebenzi wasekhaya.
“Ithenda yokwakha ivaliwe nge-8 kaMatshi kulo nyaka, kwaye iiprojekthi zicingelwa ukuba zenzeke ngaphezulu kweminyaka emithathu xa sele iqeshwa ikhontraktha,” utshilo U-SANRAL