Kubhubhe umntu omnye kwabanjwa ababini kulandela ukudubulana eTrucke Inn eGqeberha phakathi konogada neqela lamadoda ebekwimoto ebibiwe.
Isithethi samapolisa, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uthi oludushe lenzeke ngezithuba zentsimbi ye-23.10 ngolwesiThathu xa amagosa okhuseleko ebebejikeleza abone imoto imise kwindawo engagunyaziswanga.
“Bekukho malunga nesixhenxe sabantu ebebekhwele kule moto nanjengoko oonogada besondela kweso sithuthi becela ukuba bahambe, kwabakho ingxabano phakathi kwabo,” utshilo.
UJanse Van Rensburg uthi amagosa okhuseleko acele uxhaso koogxa babo ze xa befika, abarhanelwa bavulela ngeembumbulu kwakhokelela kukudubulana.
Omnye umrhanelwa owonzakeleyo ubhubhele endleleni eya esibhedlele, abanye abane babaleka kwindawo yexhwayelo.
Abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) kunye namashumi amabini anesibhozo (28) babanjiwe kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.