6.7 C
King William's Town
Monday, September 9, 2024

I-SANRAL iza kufaka ngaphaya kweebhiliyoni ezingama-R50 kwiziseko zeendlela ze-EC

I-Arhente yeeNdlela zelizwe loMzantsi Afrika ithi izakufaka imali engaphaya kwamashumi amahlanu eebhiliyoni zeerandi kuphuhliso lweziseko zendlela eMpuma Koloni.

Esi sibhengezo senziwe ngoLwesibini kwindibano yolwakhiwo ebiseMonti e-ICC, nalapho iSANRAL ikwaveze ukuba olu phuhliso luzakuqala kungekudala kwaye luqhube kude kube ngunyaka ka2028.

UWelekazi Ndika wakwaSANRAL uthi utyalo-mali lwabo kwiziseko ezingundoqo lujolise ekwakhiweni kwamaziko amatsha, ukuphuculwa kweendlela nokomelezwa, kunye nokugcinwa okukhethekileyo kothungelwano lweendlela zesizwe kwiphondo.

“Ngokuhambelana nezinyanzeliso zethu zenguqu, inxalenye yalo msebenzi iza kubiyelwa kumashishini ekujoliswe kuwo, kubandakanywa abasetyhini, ulutsha, abantu abakhubazekileyo, kunye namagqala omkhosi,” wongezelela.

Ukwathe iSANRAL iyawaxabisa amaqonga afana nesamithi yolwakhiwo.

“Uthetha-thethwano olulolu hlobo luqinisa iinzame zethu zentsebenziswano njengecandelo kwaye luya kukhawulezisa ukufezekiswa koshishino lokwakha olubandakanyayo apho amacandelo oluntu ebekade evinjwe amathuba ngokwembali eya kufumana ithuba elifanelekileyo lokuthatha inxaxheba kuphuhliso lweziseko zophuhliso lwephondo.”

Umphathiswa wesebe lemisebenzi yoluntu kweli phondo uNtombovuyo Nkopane ubalule izibonelelo zeeprojekthi ezenziwa lisebe lakhe, ebalule amathuba okudala imisebenzi ahamba nezi projekthi zikhulu.

“Siphucula uhola wendlela uN2 phakathi koMthatha ukuya eKokstad, kwakhiwa isiphambuka kuN2 ngaseBreidbach eQonce kwaye uhola wendlela uN2 phakathi kweMakana neNgqushwa ufumana uphuculo olukhulu,” utshilo uNkopane echaza impumelelo yeziseko zophuhliso zephondo kuquka nokwakhiwa kwezikolo, izibhedlele, iibhulorho, amadama neendawo zokuhlala abantu.

Ibambela leNtloko yeSebe lezobuGcisa loMzantsi Afrika, uMbasa Tshombe wongeze ukuba umbutho wabo ukhuthaze ukuba kuthengwe izinto ezikhethekileyo kuphuhliso lweziseko ezingundoqo. Uthe ugxininiso lwabo lusekudaleni uthotho lweprojekthi kunye nokubamba isandla kwisicwangciso sangaphambili sokuqinisekisa ukuphunyezwa kweprojekthi ngempumelelo.

“Ngokusebenzisana nabaxhasi beprojekthi, sibhengeze iiprojekthi zeziseko ezingundoqo ezilishumi elinesibini ezinexabiso le-R180 yeebhiliyoni zeerandi eziyakuthi ziphunyezwe kwilizwe liphela. Iiprojekthi ezi ntathu kwezi nezizakudala amathuba emisebenzi angaphaya kwezigidi zamakhulu amahlanu amawaka zizakuvula amathuba omsebenzi eMpuma Koloni kwiikontraka zalapha,” utshilo uTsombe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
6.7 ° C
6.7 °
6.7 °
91 %
2.2kmh
48 %
Mon
13 °
Tue
20 °
Wed
22 °
Thu
29 °
Fri
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks