Iinkampani zokhuseleko ezikwikhontrakthi yeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni azikwazanga ukubhatala oonogada kule nyanga
Eli sebe linengxaki yemali lisengxakini ngenxa yeekontraka zokhuseleko ezisebenza kwiikliniki nezibhedlele zaseMpuma Koloni ukusukela kwinyanga kaJanuwari. Ebutsheni balo nyaka abeendaba banike ingxelo yokuba iXhobani Security Services ayikwazi ukuhlawula mivuzo yabasebenzi. Isebe lezempilo lityala kampani yakwaXhobani malunga nezigidi ezithathu zeerandi.
Kwiveki ephelileyo, abaphathi baseSilver Solutions baxelele amakhulu oonogada ukuba imivuzo yabo iza kuhlawulwa ngasekupheleni kwale nyanga.
Aba nogada basebenza kwiikliniki nezibhedlele kumasipala waseNelson Mandela Bay, eKomani nakwingingqi yaseQonce.
Ngethuba abeendaba betyelele ikliniki yaseKorsten kunye nesibhedlele iLivingstone l eGqeberha, Unogada u-Elbridge Swarts uthi utata wabantwana abane kwaye uxhalabile malunga nokuza kwenzeka kusapho lwakhe kulempelaveki ende yePasika. “Usapho lwam lunomsindo, nam ngokunjalo… Kutheni kufuneka ndiziphathe kakuhle? Kufuneka ndihlawule iR1,200 yerenti ngenyanga, isithuthi sale nyanga, omnye woonyana bam uhlala ehostele ekufuneka ehlawulwe naye,” utshilo.
“Ukuba bendixelelwe kwangethuba, ngendenze amalungiselelo… Le Yimpelaveki yePasika kwaye iza kuba mfiliba.” ulebele ngelitshoyo
Isithethi seli sebe uSizwe Kupelo uthi ukuba iintlawulo ezinikwa ababoneleli-nkonzo kuquka neenkampani zokhuseleko zizakuqala kwinyanga ezayo.
Isithethi sombutho wabasebenzi babucala (PSWTU) uMalibongwe Kayiyana uthi le manyano izakufaka izikhalazo kwisebe nakwikomishoni yoxolelwaniso, nolamlo (CCMA).
Uthe i-PSWTU iza kulwela ukuba oonogada bahlawulwe phambi kombindi wenyanga ka-Epreli. “Bamalunga newaka oonogada abangekahlawulwa kumaziko karhulumente eMpuma Koloni. Sisa isebe kwaCCMA,” utshilo.

