UNondyebo weSizwe ucuthe inkxaso-mali yaloMasipala uMbaxa ngamali engaphezulu kwekhulu elinamashumi asixhenxe ananye ezigidi (R171 million) ngenxa yokungasetyenziswa ngokwaneleyo. Izabelo ezibini ezichaphazelekayo yinkxaso-mali yasezidolophini kunye neyamatyotyombe.
Kulo nyaka-mali umiyo, le-Metro ikwazile ukuchitha kufutshane namashumi amane epesenti (40%) yesibonelelo sikaNondyebo, oku kuza emveni kokuba bethembise ukuchitha ngaphezulu koku.
USodolophu waseNelson Mandela Bay uGary van Niekerk, uthe kukho isicwangciso sokusebenza ukulungisa lo mba.
“Kufuneka siyisebenzise la mali, kufuneka siqhube iiprojekthi yakube le mali inikezelwe. Siza kutyikitya iiprojekthi kwaye sizibophelele kuNondyebo ukuba ngenene le mali izakusetyenziswa.”, kutsho uVan Niekerk.
Amaqela aphikisayo atyhola inkcitho ephantsi ngokusilela kocwangciso kurhulumente womdibaniso. Bathi oku kuzakuba nefuthe elibi ekuhanjisweni kweenkonzo esixekweni.
UCeba we-United Democratic Movement (UDM) uLuxolo Namette uthi, beyi-UDM, baphoxekile kwaye bathi kulo mfelandawonye ukhoyo, oku akunabulungisa kwimali yabarhafi bebo bomasipala waseNelson Mandela, ngoko baphoxekile.
By Siyakholwa Vuso