22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

I-VW Group Africa iza kutyala izikhuntyu zemali eMpuma Koloni.

Kulindeleke ukuba uqoqosho lwaseMpuma Koloni luphinde lufumane enye intuthuko yeebhiliyoni zeerandi. Oku kuza nanjengoko inkampani enkulu yokuvelisa iimoto iVolkswagen Group Afrika iza kutyala imali eyongezelelweyo ezibhiliyoni ezine (4) zeerandi kumzimveliso wayo osele uqhuba eKariega kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay.

Olu tyalo-mali lwezigidi-gidi zeerandi luza kubona nomzekelo wesithathu wemoto yabakhweli eyenziwa kulomzi-mveliso. Kanti olu tyalo-mali lumiselwe ukuqinisekisa kwakhona ukhuseleko lwemisebenzi, uphuhliso lwezakhono kunye nokuqinisa i-GDP yephondo.

UMlawuli oxhuzul’imikhala kunye noSihlalo weVolkswagen Group South Africa (VWSA), uMartina Biene, uthi oku kuyakuvula amathuba emisebenzi. “Ikakhulu utyalo-mali apha kulomzi-mveliso kukuqinisekisa inqanaba lengqesho elikhoyo ukuze kuqinisekwe ukusebenza kwe-Shift ezintathu (3) ezizinzileyo nabantu abangamawaka amane (4 000) abaqeshwe ngokuthe ngqo eVWSA kuba into eqhele ukwenzeka kukuba iintlobo zeemoto esizivelisayo ziyaphelelwa, emva koko ibekwimfuno esezantsi kwihlabathi kwaye kufuneka uze nohlobo olutsha lokugcina inqanaba apho ukhoyo apha kumzimveliso, ngokwenene kukukhusela kunye nobungqina bexesha elizayo bengqesho esinayo.”

Esithi icandelo leemoto eMzantsi Afrika libonwa njengeshishini elibalulekileyo kwiimarike zehlabathi. “Ukutshintsha ukusuka kwiinjini zangaphakathi ukuya kwizithuthi zombane e-Afrika kuya kubeka ilizwekazi kwinqanaba eliphezulu nanjengomdlali-ndima obalulekileyo onemithombo yezimbiwa ezidingeka kakhulu e-Afrika.

Ingaphezulu kwekhulu elinamashumi asixhenxe (170) yeebhiliyoni zeerandi imali etyalwe kweli phondo kule minyaka mine (4) idlulileyo. Kwaye esi sisiqalo nje.” uqhube watsho uBiene.

Kusenjalo iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi olu tyalo-mali yinkqubela phambili kweli phondo. “Oku kuza kuzisa amathuba engqesho. Ukubaluleka kweVW Group Africa kuqoqosho lwaseKariega, eMpuma Koloni, noMzantsi Afrika akunakujongelwa phantsi. Olunye utyalo-mali lwamva nje luzizigidi ezingamashumi amathathu anesine kwiiphaneli zeSola (solar photovoltaic) kunye namashumi amahlanu anesihlanu ezigidi zeerandi ezongezelelweyo kwiipaneli zesola kwipaki yabasebenzi bayo. Ngenxa yefuthe elibi lokuncitshiswa kombane kwiphondo lethu, sikuqaphele ukuzibophelela kweVW Africa Group ngolu tyalo-mali kwaye iphondo lethu linombulelo.” ivale ngelitshoyo inkulu-baphathiswa

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks