By Asipile Kitchen.
IPhulo lobuNtlola elikhokelwa ngamalungu eSAPS Mounted Unit kunye namalungu eCoffee Bay Vispol likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini abangamadoda abafunyenwe benemipu emithathu engenampepha-mvume kumahlathi ashinyeneyo akunxweme lwengingqi yaseBonga, eCoffee Bay, phantsi kwendawo yamapolisa yaseMqanduli.
Eli phulo liqhutywe ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025, malunga nemizuzu engamashumi amahlanu emveni kwentsimbi yeshumi (10:50), njenge nxalenye yeenzame eziqhubayo zokulwa ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela nokwanda kwemipu engekho mthethweni kwiSithili sase-OR Tambo.
Amapolisa aye azulazula kwimixawuka yonxweme babamba umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala, ofunyenwe nemipu emibini yohlobo lwe-9mm Norinco engekho-mthethweni.
Yona indoda eneminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala nayo eCoffee Bay, xa iphekwa ngemibuzo ayachaza ukuba lo ufunyenwe kuyo ubiwe, nto leyo ethe yenza inkxalabo malunga nokuthotyelwa kwemithetho yobunini bompu.
Umrhanelwa wesibini, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala, ufunyenwe ephethe umpu we-Glock 9mm, onenombolo ecinyiweyo kunye neembumbulu.
Bobabini abarhanelwa babanjwe kwindawo yexhwayelo kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseMqanduli ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeKhala 2025, bejongene nezityholo zokuba nemipu nembumbulu ezingekho mthethweni. Amapolisa adize ukuba kungalandela amanye amatyala, nanjengoko esi sibini kutyholwa ukuba siyanyaniswa nophango lwakutsha nje kwingingqi yaseNgqeleni.
Encoma impumelelo yeli phulo, uMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana.
“Ukusebenza kunye njengeqela ukufezekisa injongo enye yeyona ndlela ilungileyo. Oku kubanjwa kubonisa ukuzinikela kwamalungu ethu ukukhupha uluntu lwethu kwizixhobo ezinobungozi kunye nolwaphulo-mthetho,” watsho.



