23.4 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

IAIDS healthcare foundation ibibambe umsitho nabafundi eMonti

UVULE ILISO LAMAQOBOKAZANA ASAKHULAYO UMSITHO OBUSINGATHWE YIAIDS HEALTHCARE FOUNDATION EMONTI

Ubeyimpumelelo umsitho obuvala inyanga yamanina, apho amanina ebedibene kunye nabantwana abangamantombazana bezikolo zamabanga aphakamileyo nemibutho engajonganga nzuzo iAids Healthcare Foundation ibambisene neBumbingomso esebenzisana neMasimanyane apho bebeyokuthetha ngokosuleleka kwamaxhoba eGBV sisifo sikagawulayo (HIV), ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yeThupha kwihotele iRegent eMonti.

‘i’Aids Healthcare Foundations ngumbutho ongajonganga nzuzo owasungulwa eMelika, apha eMzantsi kumaphondo amathathu eMpuma Kapa, KwaZulu Natal kwakunye neleRhawuti.” La ngamazwi kaNomalizo Matshekethwa oyiOperations manager kwiAids Healthcare Foundation, uqhube ecacisa ngalombutho ngelithi into abayenzayo kulombutho bagxila kakhulu kwimisebenzi edibanisa nesifo sikagawulayo (HIV), ukuhlolwa kwesisifo, kwakunye netreatment, bayabaqeqesha abasebenzi bezempilo ngezakhono zokuba bakwazi ukusebenza kakuhle kulenkqubo yeHIV.

Lo kaMatshekethwa uthe bakwancedisa amaziko ezempilo ngokunikezela ngezixhobo zokuncedisana kwezempilo bakwakha amaziko empilo. “sineenkqubo ke ezahlukileyo njengayo le eniyibonayo namhlanje egxile kubantu abatsha, siqwalasela ke nezini zonke sikwabafundisa ngempilo sibanike nezakhono”
UFarida Myburgh umanenjala wenkqubo kumbutho ongajonganga nzuzo iMasimanyane womens rights international uthe iBumbingomso ngogxa babo besivumelwano (partnership programme) nenikwa inkxaso mali yiDGMT kwakunye nesebe lezempilo kodwa oyenza nqontsonqa wenkxasomali kuwo lombutho ngabakwaKFW. “yi prograame edityanisiweyo apho eminye imibutho yeza phentsi kweBumbingomso ukujongana nomba weHIV&AIDS kulomasipala umbaxa iBuffalo City nalapho iziphumo zaye zabonisa ukuba aphezulu amanani abantu basetyhini abaphila nesifo sika gawulayo” utshilo lo kaMyburgh eqhuba ubalule neminye imibutho ekwesisivumelwano Masimanyane,Small Project Foundation.

Masibumbane kwakunye neBeyond Zero, “Ukanti ke sikwanazo nezinye iinkqubo njengo-Masimanyane, kodwa uBumbingomso ngumbutho esibambisene nawo ekuhliseni izinga lesifo sikagawulayo nentsholongwane yaso, i-HIV. Indima yethu, kukwelokuba sijongane nabasetyhini abathi bosuleleke sesi sifo ngendlela abathi bathandane nabalingane babo okanye ngobundlobongela obusekelwe kwisini kwanotshintsho lwabantu abatsha abathi baziphathe ngayo.”

Umfundi webanga lesibhozo kwisikolo iVul’amazibuko High School, uLahluma Matshaya, oneminyaka elishumi elinesixhenxe, uthe yena ufunde ngezinto ebekade engazazi, ingakumbi ngengcaciso yokuzikhusela kwintsholongwane yesifo sikagawulayo, nangona ibilixesha elifutshane kodwa ukho umohluko.

Ingxelo:Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
54 %
2.2kmh
47 %
Wed
25 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
21 °
Sun
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks