ABADLALI ABABINI ABEBESAKUDLALELA AMAQELA AMAKHULU EUEROPE BENZA IZINTO ZAMEHLO KWILIZWE LAMAARABU
UChristiano Ronaldo noMadic Mane ngabadlali abaphambili ehlabathini nabadumileyo ingakumbi ngethuba besadlalela amaqela eEurope.
URonaldo wemka kwelakowabo lokuzalwa edlalela iqela elaziwa ngokuba siSporting Lisbon kwilizwe lamaphuthukezi iPortugal, wemka apho elandela amarhewu aluhlaza esingise eNgilane kwiEnglish Premier League eyaziwa njengeEPL wemka apho wajingisa amabombo eSpain nalapho ileague yakhona yaziwa ngeSpanish la Liga nedume umhlaba wonke eyokudlalela iReal Madrid.
Wemka apho eSpain wayokuthi ngcu kwilizwe lamatayilane iItaly kwiqela leJuventus waphinda washiya nalapho wabuyela kowabo lebhola eOld Troford sele engekho utata wakhe webhola uSir Alex Furgurson nalapho umkile engemki kakuhle kweli ityeri uye Wachovia ngamaArabhu nalapho uphantse wemka kabuhlungu kodwa wona amaArabhu asamnyamezele kwiqela iAl Nassir.
USadio Mane yena yinzalelwane yaseSenegal ebedlalela iLiverpool eNgilane phambi kokuba aye eGermany ayokudlalela iBaryen Munich iqelala elaziwayo njengeLiverpool libe ke lona Eli laseGermany linembali ended kakhulu ngamandla egeza ngokuphumelela iindebe nabadlali abaziwayo abenza amarekhodi ehlabathini jikelele.
UMane uye wafunwa leliqela lidlalela uRonaldo nangona ebefunwa nayiLiverpool kodwa wothuse abaninzi ngokungavumi ukuthi hayi kumaArabhu. USadio waziwa njengomntu omthandayo kakhulu uRonaldo.
Bobabini uMane noRonaldo baziwa njengabadlali abangakonqeniyo ukuxabana kodwa ndlela le bavana ngayo kunjalo nje bayawagqaya kakuhle amanqaku abadlali benza izinto zamehlo.
Ababadlali bobabini bafake amanqaku ngethuba iqela labo belidlala kwimpela veki esiphuma kuyo. URonaldo usanda kophula irekhodi ngethuba efika kumakhulu asibhozo anamashumi amahlanu amanqaku. UChristiano ukwancedidisile ekufakweni kwamanqaku amabini. Emva kwalomdlalo iAl Nassr ibethe iAl Hazm uRonaldo unamanqaku amathandathu uhamba phambili kulaleague yamaArab elandelwa nguKerim Benzima ibenguNeymar ibe nguFirmin njalo njalo. UChristiano Ronaldo ngowokuqala ukufika kwelirekhodi kwihlabathi.

