21.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

iiTaxi ziyaphucuka, kuzakubhatalwa ngamaKhandi ngoku

IZAKUPHUCULWA INDLELA YOKUBHATALA EZITAXINI EMPUMA KOLONI

Umbutho wezithuthi zikawonke wonke(taxi) eMpuma Koloni iSantaco isungule inkqubo yokubhatala ngekhadi kwizithuthi kwakunye nezithuthi zabafundi ngeenjongo zokuphucula ukhuseleko loluntu. Lenkqubo isebenzisana nenkqubo yentlawulo iEncetric ,ForUs digital group kwakunye nezinye.

Ngokwezicwangciso, le nkqubo izakuqala ukusebenza kunyaka ozayo nalapho izakuqala isetyenziswe zizithuthi zabafundi kulandele izithuthi zika wonke-wonke.
Oku kuthetha ukuba akusayi kuphinda kukrwecanwe egxeni ngabakhweli ukudlulisa imali eya kunotekisi nanjengoko abakhweli bezakusebenzisa amakhadi ukuhlawula.

Ngokwengxelo kasihlalo weSantaco eMpuma Koloni uZola Yolelo uthe ucebisa ukuba abakhweli bayixhase lenkqubo ngoba into enemali inolwaphulo mthetho ukuba banokuyixhasa abakhweli bangakhuseleka ngakumbi.

USibulele Ngati ongumqhubi wetekisi ukholelwa ukuba izakudlala indima enkulu le nkqubo ekuqinisekiseni kukhuselo lwabo babizwa ngoba ngonotekisi, nangengoko ngokuqhelekileyo bengamaxhoba babaphuli mthetho.

Ingxelo: Athule Mangena

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
44 %
3.2kmh
13 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks