Umbutho weqela lezo politiko iATM ekhokelwa nguMnumzana Vuyo Zungula, uthathe isigqibo sokuba singahlabi nje ikhwelo lokubuyiselwa kwesidima kodwa kubonakale nange zenzo. Kungoku nke, unikezele ngendlu oyakhe ngebhongo kuNkosi uNosizwe Maxwele weSizwe samaThembu.
Oku kuza emveni kokuba iKomkhulu laatsha laphela kwisithwakumbe somlilo kwiminyaka emihlanu edlulileyo. IATM ithi, ithe yakuva ukuba iNkosi ikhonjwea ngapha nangapha ingade ifumane ncedo, ekhangela uncedo uncedo nakwezopilitiko, ude wabe kanti ufumana uncedo kweli qela.

IATM ide yawakha umzi weNkosi, yanikezela ngawo kumsitho ubuzinyaswe ngumthanjiswa uProfessor Ceaser Nongqunga, nekungye owafumana ingxelo yesithwakumbe kuNkosi uNosizwe.

Le ndlu inikezelwe ngokusesikweni ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kuCanzibe 2025, inamagumbi mathathu okulala, ikhitshi, izindlu zokuhlambela ezimbini, elo kutya kunye negumbi lokuphumla.

