16.9 C
King William's Town
Sunday, October 12, 2025

Khange kubelula kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika ngethuba liphumelela phezolo kumdlalo wamaqela asibhozo wokugqibela.

By Siphiwo Boqwana.

IQela leSizwe lebhola ekhatywayo labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) ubudala Amajita angenile kumandulela kamagqibela kankqoyi weNdebe yaseAfrika emva kokubetha iqela leSizwe lebhola ekhatywayo laseDemocratic Republic of the Congo phezolo umhla weshumi elinesibini (12) kulenyanga kaCanzibe ngoMvulo, kumabala ebhola ekhatywayo iCairo kwilizwe lamaArab apho Amajita ephumelele ngenqaku elinye kwiqanda (1-0) kwixesha elongezelelweyo emva kokubambana ngeqanda macala (0-0) kwimizuzu engamashumi alithoba.

Ibe nguThabang Mahlangu obeliqhawe phezolo nothe wafaka inqaku ukunqanda ukuba kungayiwa kwiPenalti emva kokuqengqa amaqanda kwixesha elipheleleyo lemizuzu engamashumi alithoba (90).

Iqela loMzantsi lizakuqubisana neqela laseNigeria labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ubudala kumandulela kamagqibela kankqoyi wendebe yaseAfrika iAfrica cup of Nations.

Eli qela likhokelwa nguRaymond Mdaka njengomqeqeshi libonakalise isakhono esingumangaliso ngasemva nasesiswini ngethuba kunzima, iqela leDemocratic Republic of the Congo lihlasela kanobom lifuna intw’ ibilapha. Lifike kwisigaba samaqela asibhozo (8) iqela likaMdaka emva kokuphumelela imidlalo emibini (2) labethwa kanye laze ladlala ntanganye kumdlalo omnye kuluhlu obelikuyo.

Amajita abethwe kumdlalo wokuqala wokuvula kuletumente ngenqaku elinye eqandeni (1-0) ngabahlinzeki iJiphethe baze babetha iTanzania ngelinye eqandeni inqaku, baphinda baqubisana neSiera Leon beyothula phezulu lwindawo yokuqala ngethuba beyibhaxabula ngamanqaku amane kwelinye (4-1), okokugqibela badlale ngokulingana macala neembangi zabo iZambia ngenqaku elinye macala (1-1) kwimpelaveki esiphuma kuyo ngoLwesihlanu umhla weshumi kulenyanga kaCanzibe.

Indebe yehlabathi izakudlalwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kwinyanga yoMsintsi ukuya kumhla weshumi elinethoba (19) kwinyanga yeDwarha kwa kulo nyaka ka-2025 kwilizwe laseChile.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
16.9 ° C
16.9 °
16.9 °
95 %
0.5kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
31 °
Tue
23 °
Wed
23 °
Thu
12 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks