Kwiminyaka elishumi elinesihlanu (15) eyadlulayo, ubomi obabuzele amaphupha kunye neminqweno yokufezekisa iminqweno yeentliziyo zabazali baphelela ezandleni zendoda endala, ekwi sikhundla esiphezulu kunaye.
UAkhona Geveza, oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ubudala owayengumsebenzi waseLwandle ophuma kwilali yaseNxarhuni eMonti, eMpuma Kapa, wayeqeqeshwa kwaTransnet kwisakhono sakhe enephupha lokwakha ikamva elingcono. UGeveza akazange abuyele ekhayeni lakhe, ngenxa yokubhubha ngendlela engaqondakaliyo esemsebenzini kwisizikithi solwandle ezandleni zabo babefanele ukuba bamjonge njengomfundi.
Ngenyanga yeSilimela ngonyaka ka2010, umzimba wakhe wafunyanwa udada kunxweme lwaseCroatia ngelixa wayekhwele inqanawa yeSafmarine (South African Marine Conatiner Lines). Phambi kokuba asweleke, u-Akhona wazityand’ igila kuyise ukuba wayexhatshazwa ngokwesondo ligosa eliphezulu kwinqanawe aweyesebenzini—indoda eyayimbiza ngokuba “ngumfazi wayo.”
Wayesoyikisela ubomi bakhe, kwaye ngelishwa, uloyiko lwakhe lwafezeka kwaye lagqithisela. Kungekudala emva kokubhubha kwakhe, eli gosa lalityholwayo kuthiwa lazibulala. Kwaye ngeso senzo, kubonakala ngathi inkqubo yezobulungisa yazosula izandla zayo kwelityala.

Ukuzokuthi ga ngoku, yiminyaka elishumi elinesihlanu idlulileyo emveni kokuba wabhubha. Utata wakhe, owayelwela inyaniso, waye walishiya eli linamagada ahlabayo, kungekho zimpendulo, kungekho nobulungisa. Unina kaGeveza usaqhubeka ethwele ubunzima obunganyamezelekiyo bentlungu nokungabikho bobulungisa. Akazange afumane nembuyekezo, akukho ziphumo zophando zinentsingiselo, kwaye akukho xanduva luvela kwaTransnet okanye inkqubo yezobulungisa yaseMzantsi Afrika.
Eli asilobali nje losapho olunye. Ngumzekelo oqaqambileyo wokungaphumeleli kwenkqubo, ukuthula kwenkampani, kunye nokungahoywa kweziko. UMzantsi Afrika awunakuqhubeka nokuvala amehlo ngelixa iintsapho zisokola.
Ngexesha lokubhubha kwakhe ngendlela engaqondakaliyo, ubutshantliziyo bamalungelo oluntu bebungaqinanga eMzantsi Afrika, kwaye ubundlobongela obusekelwe kwisini babungeyonto iphambili. Ngoku lixesha lokukhankasela ubulungisa ngakuGeveza, owayeza kuphila nomsebenzi wokuba ngumatiloshe owayenyamekela usapho lwakhe.
Amathemba kanina wakhe aye aphela emveni kokubhubha kwakhe ngesiquphe, kodwa ubulungisa kufuneka bubekhona kwaye kufuneka kubonwe ukuba kwenzelwa uGeveza ukuze axole umama wakhe osentlungwini.
Amatsha ntliziyo alwela lo mba athi afuna oku kulandelayo:
- Uphando olugcweleyo eluntwini malunga netyala lika Akhona Geveza
- Ukuthatha uxanduva oluselubala oluvela kwaTransnet kunye nabasemagunyeni boqeqesho lwaselwandle
- Imbuyekezo yemali kunye nenkxaso kumama ka-Akhona
- Uhlaziyo kukhuseleko lwabasetyhini kwiinkqubo zoqeqesho lwaselwandle
#JusticeForAkhona ayiyo-hashtag nje. Lubizo lwesenzo. Uhlanga oluzilibalayo iintombi zalo, luya kubhanga. Yabelana ngalomyalezo. Tag Transnet. Tag iSebe lezoBulungisa. Taga iSebe lezoThutho leSizwe, Tag iOfisi kaMongameli. Yenza ingxolo. Malivakale kwakhona igama lika-Akhona – hayi njengexhoba, kodwa njengentlantsi elayita umlilo wenguqu.

